IDA iyifuna apha neMpuma Koloni

nqaba Bhanga

INKOKELI yeDA eMpuma Koloni uNqaba Bhanga uthi unesicwangciso sokutshintsha imeko yentlalo yoluntu kweli phondo, watsho esithi ingqwalasela uza kuyinika kwimiba yezemfundo kwanentswelangqesho.

UBhanga ebebalisela I’solezwe lesiXhosa emva kokuba inkokeli yeDA kuzwelonke uMmusi Maimane embhengeze njengomgqatswa wobuNkulumbuso kumbutho iDA kunyulo lonyaka ozayo.

UMaimane uthi umthembile uBhanga. “Ndimthembile kakhulu uNqaba Bhanga. Andimthembanga nje ekuhambeni umyalezo wotshintsho kweli phondo, kodwa ndikwamthembile ukuba angayiNkulumbuso yaseMpuma Koloni ekhathalayo nezaziyo iingxaki zabantu beli phondo,” utshilo uMaimane.

UBhanga uthi umsebenzi wakhe wokutshintsha ubomi bababantu baseMpuma Koloni sele uqalile.

“Umsebenzi kukukhupha uMampehle etyotyombeni ndimfake kwindlu endilisekileyo. Ndifuna ukunika ingqwalasela kumbandela wemfundo kweli phondo, kuba iMpuma Koloni iyintlekisa kumba wezemfundo.

“Ukudalwa kwemisebenzi ndakwenza ngokuthi ndijonge indlela eyayisebenza ngayo imizimveliso yaseGcuwa, eDimbaza naseMthatha. Enye into ekufanele siyiqwalasele kukuba ngela xesha lorhulumente kaMatanzima noSebe, kwakulinywa, abantu bengalambi. Yaphela lo nto ngoku. Ndifuna sibuyele emva kulimo,” utshilo uBhanga.

UBhanga ukwathe phantsi kolawulo lwakhe luza kutshintsha ulawulo koomasipala abafana neMakana, Enoch Mgijima, Great Kei naseMnquma.