Ifeshini izakonyusa uqoqosho eMzimvubu

UMASIPALA wasekuhlaleni Umzimvubu uneenjongo zokusebenzisa ifeshini ukonyusa uqoqosho lwakhe ukuze uphuhlise nezakhono zabayili abasakhulayo bale ngingqi.

Oku kuxelwe nguNtombizandile Garane oyintloko kwisebe elijongene nophuhliso loqoqosho kulo masipala (Local Economic Development Portfolio Head) ngexa kubhiyozwa kumboniso wefeshini wesine kwiholo lakwaBhaca ngempela veki. Uthe xa abayili bale ngingqi befumana inkxaso egqibeleleyo kuluntu lwayo kuza kwenza ukuba izizwe ezingabamelwane kunye nabakhenkethi babe nomdla baze bazixhase nabo iimveliso zase-Umzimvubu ze bathi gqolo ukubuyelela.

“Sifuna ukubeka lo masipala kunye nabayili befeshini bethu kwizinga lehlabathi ze abakhenkethi babe nomdla wokuza kuzibonela ukuze baxhase ngendlela ezahlukeneyo. Lo mboniso ukhula rhoqo ngonyaka kwaye bazuza lukhulu abayili, bayoneliseka kwesikwenzayo,” utshilo uGarane.

Ukhuthaze oosomashishini abangamashumi amathathu abaphuma kule ngingqi nabashishina kwindawo ezahlukeneyo ukuba badibane baphefumlelane ngolwazi bekhuphisana ngeemveliso zabo ngokuququzelelwa ngumasipala.

Kuchithwe amawaka angama R200 000 kulo mboniso ubuntsuku- ntathu kuquka iindleko zamalungiselelo namabhaso kwabagqwesileyo.

Bebequka abayili-mpahla kunye nabeentsimbi zokuhomba (jewellery).

Bakuvuyele kakhulu ukubayi nxalenye yalo mboniso abayili abasakhulayo, uYonela Bekezulu 25, weYB Designs nozinze eThekwini uthe: “Lityeli lesine ndiba khona kulo mboniso kwaye ndifunda lukhulu rhoqo ndilapha. Iyahluma nengeniso kuthi kuba sifumana abathengi abaninzi emva komboniso ngamnye, kwaye nathi sizimisele ukudlala indima ukurhweba abakhenkethi ngefeshini.”

Omnye ophumelele emagqabini kulo mboniso uLungile Nkuhlu, uthe kuya mvuyisa ukubona ifeshini ikhula kwingingqi yaseMzimvubu kuba iyeyona nto idibanisa izizwe kwihlabathi lonke kuba wonke ubani ufuna ukufaneleka aqaqambe ngesinxibo sakhe.