Ifumana inkxaso kwilali yayo inkosikazi ebigetyengiwe!

IMABALENI Community Forum inikezele ngoxwebhu lwayo lwezikhalazo olunemityikityo engapha kwamawaka amabini yoluntu kuMtshutshisi wenkundla yamatyala akuQumbu namhlanje. 


Uxwebhu olo lulwela ukuba abarhanelwa abane abajongene netyala lokubulala uNosipho Sidabuka Jombile, 50, nowaziwa ngelika MaJ igama, banganikwa bheyile nekuquka kwabo barhanelwa bane owayesakuba ngumyeni wakhe emtshatweni. 

Inkokheli yeMabaleni Community Forum, uLawrence Mambila, uthi bonelisekile luhlobo abathe bayifumana ngayo inkxaso eluntwini nanjengoko umphandle wenkundla ubuzele kungekho nendawo luluntu ebeliyokulwela uMaJ walo. 

Uthi ngenene abarhanelwa ibheyile abayinikwanga kwaye noxwebhu lwabo lwamkelwe yiNkundla.

 Abarhanelwa abavele emva kwemini enkundleni ngamakhosikazi amabini kwakunye namadoda amabini, abo ngumyeni nolipolisa uPhindile Jombile, 51, Lindiwe Komanisi Jombile, 39, Sibongile Komanisi, 41 kwakunye Danisile Bhotyumpha, 55.

Kulindeleke ukuba baphinde bavele ngomhla wamashumi amabini anesine kwakule sikuyo inyanga.

UJombile nowayesebenza kwiNdlu yoWisomthetho neeNtatheli eBhisho, waqweqwediswa ze waxhwilwa ngamadoda amabini awayezigqume ubuso ngakwibhulorho yaseTsitsa kuQumbu ehamba nonyana wakhe onamashumi amabini anesibini kwinyanga edlulileyo. 
Wafunyanwa ebhubhile emva kweentsuku ezintathu enenxeba lokudutyulwa, ebhaqwa ngabantwana ababeyokuqokelela imfuyo.

Abanye babantu abathe batyikitya kolu xwebhu ngowayesakuba ngumphathi wakhe kwiNdlu yoWisomthetho uFikile Xasa, osele elilungu lePalamente kuZwelonke, unobhala wamanina ephondweni kumbutho weANC  uNolitha Ntobongwana kwakunye namanye amalungu ePalamente yePhondo.