Ifuthe leemvakalelo zabanini bolwimi malunga nokusetyenziswa kwalo

Indlela abaziva ngayo abanini beelwimi kungadlala indima enkulu ekuphuculweni kweelwimi. Ukuba abazingci ngalo okanye abenzi zinzame zokulukhulisa kungalula ukuba nabanye abantu bazisengele phantsi.

Ukanti ke ukuba bayazingca ngolwimi lwabo benza konke abanako ukuphucula ulwimi lwabo, nabanye abantu bangakhuthazeka benze iinzame zokuphuculwa kwazo.

Ukuba abantetho isisiXhosa abazingci ngolwimi lwabo oko kokhokelela ekubeni lusengelwe phantsi nangakumbi ulwimi lwabo.

Ndikhe ndakhwankqiswa ngunyawontle othile komnye umfihlo wosaziwayo, uProfesa phaya kwaNokholeji eFort Hare.

Uthi lo nyawontle xa ecinga ukuba uhlekisa ngabo bafunde bayityekeza kuLwimi lwabo, kwinkonzo yakhe baxakene nabantu abaneeHonours zesiXhosa.

Yathi gquzu ngentsini indlu yetyalike, kodwa kwaqapheleka ukuba isuka kubasweli kuqonda abangaziyo ukuba uLwimi lwenkobe lomntu luqulathe ubuyena kwanokufundiswayo lonke eli lixa umfundi enkqonkqozela izidanga zakhe zoLwimi.

Ndingemkanga kuyaphi nje kowona mxholo weli nqakwana, kule yunivesithi ndikuyo apha eJamani ndikwiSebe LeeLwimi zesiNtu.

Phakathi kweeLwimi ezihlohlwayo yiHausa neSwahili nezinye iiLwimi zase-Afrika. Ama-Afrika alapha, aqhayisa ngobuncwane boLwimi neMveli yabo. Huntshu!!

Okunye okubalulekileyo kukuba kufuneka zithathelwe ingqalelo zonke iimvakalelo zabanini beelwimi ababandakanyekayo xa kusenziwa izicwangciso zokwenza ukulingana phakathi kweelwimi nokuphuculwa kwazo.

Abazali abaninzi kweli laseMzantsi Afrika bayakunyevulela ukuba abantwana babo bafundiswe ngeeLwimi zesiNtu kuba besithi azibasi ndawo abantwana babo ezi lwimi. Bahambisa bathi ulwimi lwesiNgesi lona luza kubasa kwiindawo ngeendawo abantwana babo.

UKWENZIWA KOLWIMI LUBE SEMTHETHWENI

Oku kuthetha ukuba lusebenze kwimicimbi ebalulekileyo yesizwe efana noshishino, kwezomthetho nakusasazo.

“An official language is a language that is used for government, business and other formal purposes within a country, whether this is an international language such as French, English or Portuguese or an African language like Swahili.” – Westein (1983)

Yiyo le ke imicimbi ekubhekiswa kuyo :

EMTHETHWENI OKANYE EBURHULUMENTENI

· Ulwimi olusebenza epalamente

· Kwiimbalelwano zoburhulumente kuZwelonke okanye engingqini ethile

· Eluvotweni

· Kwiintlanganiso zokunyula isigqeba esithile okanye oomasipala

· Kulawulo lwamaphondo

KUSASAZO

· Kumabonakude

· Kunomathotholo

· Kumaphepha-ndaba

KUSHISHINO

· Kwiintengiso zeemveliso ezithile

· Konke okushicilelwayo malunga noshishino

· Ukwazisa imveliso ethile nakweliphi na iqonga

· Ukwenza uthetha-thethwano malunga nemiba yoshishino

Kwinqaku elilandelayo ndiza kuhlomla ngoku kulandelayo:

1. Ukwenziwa koLwimi lube luLwimi lokufunda nokufundisa

2. Amaqhina / Oorayirayi njengesixhobo esincamisa nesinamandla ekufundiseni izibalo nezinye izakhono kubantwana abakumabanga asezantsi.

Ndee tshoni !!!

Gqr Nomsa Satyo (DLITT)

Department Of African StudiesBayreuth UniversityGermany