Igwetyiwe indoda eyadlwengula umntwana

Igwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu entolongweni emva kokufunyanwa inetyala lokudlwengula indoda yaseGcuwa.

UMlindeli Giba ugwetywe yinkundla yamatyala yengingqi yaseGcuwa emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana eneshumi elinanye leminyaka.

UGiba, ongumhlali kumatyotyombe aseSkiet eGcuwa wakrweca ixhoba emin’ émaqanda ukuba liye kwityotyombe lakhe ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga kaCanzibe kulo nyaka. Ixhoba lamlandela, nanjengoko lalimazi, njengomhlobo kuyise, zange likrokrele nto. 

Lisakungena ngaphakathi etyotyombeni, walikjhulula ngenkani walidlwengula.

Emva koko ixhoba labikela uyise ngomkhuba owenziwe kulo ngumhlobo wakhe. Emva kokubaliselwa oku le ndoda yaxelela abahlali, abathi balugcwabevu ngumsindo, bambamba uGiba bamsa kwisikhululo samapolisa aseGcuwa, nalapho kwavulwa ityala lokudlwengula.