Igwetyiwe inkosikazi ebinesikolo somgunyathi

UNwabisa Mabongo, 38, owavula isikolo ngo2012 sobumongikazi ngokomgunyathi eMthatha, ugwetywe iminyaka esibhozo yinkundla yamatyala yaseMthatha emva kokufunyanwa enetyala lobuqhophololo.

UMabongo uza kuchitha iminyaka emine kuphela entolongweni nanjengoko eminye emine inqunqanyisiwe.

Ngokwengxelo yesithethi seNPA uLuxolo Tyali, uMabongo wathi walukuhla abantu ababefuna ukufundela ubunesi ngokuthi abafake kwisikolo sakhe somgunyathi eyazi ngokucacileyo ukuba esi sikolo asigunyaziswanga ukufundisa ubunesi, kwaye naye ezazi ukuba zange aqeqeshelwe ubunesi.

UMabongo ngaphambili ebekade enaso isikolo awasivula ngo2009 esiyiMa-B Training Academy ebesisenza iinkonzo ezahlukeneyo, ze wanyoluka ngo2012 wongeza eso sokunesa.

Abafundi abaqeqeshelwa ukonesa bebehlawula imali eyiR3000 ukuya kwiR8000.

UMabongo, wachazwa ngumyeni wakhe emapoliseni ngesi senzo sokugqumza abantu, waze wanikeza nobungqina enkundleni umyeni.

I-NPA isamkele esi sigwebo sibekwe kokaMabongo.