Iilali ezinoorontawuli zingumtsalane kubakhenkethi!

Ihotele iWavecrest kuCentane, ngethuba iArhente yezoKhenketho eMpuma Koloni uECPTA ibonisa ngobuhle beMpuma Koloni.

IWavecrest Hotel iphezu kolwandle kwilali yakuNombanjana kuCentane eMpuma Koloni, neyindawo enika umtsalane kakhulu kubakhenkethi, abalapha nakwihlabathi jikelele.

Okutsala umdla nangakumbi kule hotele kukuba iphakathi koluntu kwaye xa usehla usiya kuyo udlula kumakhaya, amanye anoorontawuli abakhiwe ngengca nekwayenye nje into enika umdla.

Oku kubonwe ziiNtatheli zaseMpuma Koloni ngethuba iArhente yezokhenketho eMpuma Koloni (EC Parks Tourism Agency) ebhiyozela ukuqala kohlobo kwaneziyinguma zokuphela konyaka eWavecrest Hotel.

EziNtatheli zemithombo yeendaba eyohlukeneyo zixhamle ukulala kwaba rontawuli bakhiwe ngokwalemihla kodwa ungenakutsho ukuba ukurontawuli xa ungaphakathi, zabanalo nethuba lokuzonwabisa, ukutyelela iilali, kwanokuhamba ngesikhephe emanzini.

Oyingqonyela yakwaECPTA uVuyani Dayimani, uthi intle kakhulu iMpuma Koloni, liliphondo apho unokufumana khona ihotele enoorontawuli futhi erhangqwe lulwandle noye uzive usekhaya.

IiNtatheli eziphuma kwimithombo yeendaba eyohlukeneyo eMpuma Koloni, kumlambo iNxaxho kwaNombanjana kuCentane, ngethuba zikutyelelo eWavecrest Hotel.

UDayimani uthi, ukukhetha ezihotele zisemaphandleni kukuzama ukuveza zona kwanokubonisa ukuba iMpuma Koloni inabo ubomi nasemaphandleni.

“OoNdaba balapha sibamemile bazibonele kwenzele bakwazi ukubalisa kwanokubonisa ngaphandle uluntu nalo lubenomdla. Sikhethe ezindawo zintle, zizolileyo ukubonisa kokuba kuninzi abanokwenza abantu xa bekwiihotele ezisemaphandleni zaseMpuma Koloni,” utshilo uDayimani.

“Sikwabonisa ukuba iPhondo likulungele ukwamkela abakhenkethi kwanokuqinisekisa ukuba bakhuselekile kwaye bonwabile. Sidlisela ngezilwanyana zethu zaselwandle, imilambo, kwanamahlathi ePhondweni.” uvale ngelo uDayimani.

Izithethi ebezingaphakathi kwisidlo sokubhiyozela ixesha leziyunguma zithi ngoku kufuneka kufakwe kwimenyu yehotele okwakutya kwasemakhaya okufana nomngqusho, umvubo, imifino, ukwenzele abakhenkethi bazive besekhaya.

OnguSomashishini, noshishina ezilalini uZovuyo Nokenke nonehotele iZovuyo kwilali yakuNdabazi eGcuwa, uthi zange kubelula ukushishina ezilalini xa wayeqala ngo2010.

Uthi babekwazama nokubonisa ukuba indawo yendwendwe yokulala ayikho dolophini kuphela nasezilani ikhona. Ukwathi noko utshintsho lukhona kwaye uluntu nalo luyabona ukuba ikhona impilo ezilalini.