Bachazwe njengabazalanayo abakhwetha abadutyuliweyo!

Emva kokuba abahlali baseMntla eNgcwazi eNgqamakwe beve izithonga zompu ziphuma ngasebakhwetheni ekuzeni kusa ngoLwesibini, baye benjenjeya ukuyokuzikrobela nabafike babona umbono ombi, amadoda amathathu naphakathi kweminyaka engama18 ukuya ku26 ubudala sele bebhubhile owesine esaphila.

Ngokwengxelo yamapolisa, omane amaxhoba ayazalana. Kwisithathu esibhubhileyo ngabakhwetha ababini abana18 kwakunye nekhankatha elinama26, ze omnye umkhwetha nolixhoba lesine ulwela ubomi bakhe esibhedlele.

UColonel Priscilla Naidu uthi unobangela wesi siganeko awukaziwa kwaye akukabanjwa mntu njengoko bengaziwa nabarhanelwa.

Kuvulwe amatyala amathathu okubulala nelinye elokuzama ukubulala.

Kuyabongozwa nabani na onokubanolwazi malunga nesi siganeko atsalele isikhululo esikifutshane naye ku073 272 9874/ 08600 10111.

ISebe leNtsebenziswano kuRhulumente neMicimbi yeMveli uCOGTA ngamanye, usebenzisana namaPolisa ngesi sehlo.

USihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uNkosi Mpumalanga Gwadiso ekunye neeNkokheli zamaKhoisan badlulise amazwi ovelwano kusapho lwamaxhoba.

ULieutenant General Mene, uhlabe ikhwelo kubahlali ekubeni kubenentsebenziswano ukuze kubanjwe abarhanelwa ngokukhawuleza.

“Amapolisa azinikele kwaye azimisele ukuzisa ngaphambili abarhanelwa. Sakwenza ngako konke ukuqinisekisa ukuba bayabanjwa ababandakanyeka kwesi senzo. Ukubhubha kwabantu abatsha ingakumbi bephuma kusapho olunye kuyothusa kwaye kubuhlungu,” utshilo uMene.

UMene ukwadlulise namazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba.