IiMuseum zenziwa izibhedlele zeCovid-19

INkulubaphathiswa yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ethetha noonondaba eBhisho Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Urhulumente waseMpuma Koloni uthabathe isigqibo sokujika amaziko wakhe alishumi elinesibhozo ukwenza izibhedlele zethutyana zokujongana nabantu abanentsholongwane yeKhorona.

Oku kuza kudala iibhedi ezingama-2 080 kuquka neebhedi zokhathalelo lwabagula kakhulu ezingama-218, itshilo iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ethetha nabeendaba eBhisho kule veki.

“La maziko karhulumente aquka amaziko embali (museums), iikholeji zoomongikazi, iihostele zezikolo, amaziko oqeqesho kuzo zonke izithili zoomasipala kwanoomasipala abambaxa. Siceba ukwenza ezi zibhedlele zethutyana kungekudala,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi bakhethe iiwadi ezingamashumi asibhozo anesixhenxe, eBuffalo City naseNelson Mandela Bay, ukuqubisana nentsholongwane yekhorona. “Injongo kukunyusa inani labalulamayo, futhi kwehliswe ukunwenwa kwale ntsholongwane,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi ikhubalo lale ntsholongwane kukuba kuyiwe apho bahlala khona abantu.

“Sitshintsha indlela yokwenza izinto ukusabela ngesicwangciso ekuqubisaneni nale ntsholongwane, ngokuvelisa iCommunity Based Covid-19 Response. Esi sicwangciso sihambelana neenjongo zikaMasiphathisane.”

UMabuyane uthi esi sicwangciso sokuya ngqo eluntwini sisekelezelwe kwiintsika ezisixhenxe. Ezi ntsika kukuqweba icebo lokusabela kwizehlo zeCovid-19; ukuya eluntwini nokunqanda le ntsholongwane; ukumilisela isicwangciso sokulwa nale ntsholongwane; ukubakho kweebhedi zezigulana nokugxunyekwa kwezibhedlele zethutyana; ulawulo lweenkcukacha; kwanokufukwa kwindawo engenaziganeko zixhomisa amehlo.

UMabuyane ukwabalule umbandela wokuvulwa kwakhona kwezikolo esithi bathabathe isigqibo sokuba amanye amabanga abuyele kwinyanga ezayo.

Ngokwesigqibo sephondo, emva kothethwano nesebe likazwelonke, amabanga aliqela abuyela ekuthambekeni kwale nyanga logama abanye beza kubuyela kwinyanga ezayo.