Iimvumi zimanyanisa amaAfrika ngengoma kule mpelaveki

UNathi ngomnye weemvumi ezizakube zikwi Africa Unite Festival

IIMVUMI ezaziwayo kumaqonga ohlukeneyo omculo ziza kube zidibene ngengoma kwiqonga elinye kule mpelaveki.

Ukusuka kwiAfrotraction, uSliq Angel, uNathi Mankayi, iSoul Culture, uNathi B, Malibongwe Gcwabe, uDumza Maswana, uJoseph Amani ukuya kuManizz – bonke baza kutshila kwiqonga leAfrica Unite International Cultural Festival eMonti.

Lo mnyhadala, ojonge ukumanyanisa ama-Afrika, wasungulwa ngo2015 kanye ngethuba lezixholoxholo zokubukulwa kwabaphambukeli bamanye amazwe kweli.

Lo mnyhadala, oqalwe yiC-Tone Productions, uza kuqhuba iintsuku ezimbini zilandelelana.

“Sibone inkcubeko nobugcisa njengesona sisombululo sokuzisa ubuAfrika kuma-Afrika ngokusebenzisa amaqonga okudibanisa, ukuphuhlisa nokudala ukuhlalisana namanye ama-Afrika,” kutsho uLuzuko Kohli weC-Tone Productions.

UKohli uthi bacwangcisa ukuba lo mnyhadala uqhube rhoqo ngenyanga kaCanzibe – inyanga yokubhiyozela iAfrika. Uthi le ngcamango yaqala emva kokwenziwa kwengoma iAfrica Unite ngo2015.

“Ngokwenza le ngoma yayiziinzame zokufundisa abantu ngokunyamezelana nokuhlalisana ngoxolo namanye ama-Afrika,” kutsho uKhohli.

Zingaphezu kwamashumi amabini iimvumi nabavelisi bomculo abathatha inxaxheba kule ngoma nekuquka kubo uMobi Dixon, Sliq Angel, Dumza Maswana, Malibongwe Gcwabe, Manskap, Amani (Congo), Manizz (Ghana) ukubalula abambalwa. Lo mnyhadala uza kuqhuba iintsuku ezimbini, ngoLwesihlanu we18 noMgqibelo we19 kweyeDwarha 2019, eGuild Theatre.

“Siphehlelela umnyhadala omkhulu oza kuqhuba ngenyanga kaCanzibe kunyaka ozayo. Okwangoku, umnyhadala lo uza kugxila kumculo, ukuzotywa kweembuso (face painting), imiboniso emincinane nezifungo zokulwa ukubukulwa ngokobuzwe,” kubalisa uKhohli.

Le nkqubo iza kuquka izithethi esingabalula kuzo iNkulumbuso uOscar Mabuyane, uWilliam Mugeyi owayesakuba ngumdlali webhola ekhatywayo waseZimbabwe kunye noSadam onguMongameli weeMbacu zaseAfrika.

NgoLwesihlanu eqongeni: Sliq Angel, Nathi, Malibongwe Gcwabe, Manizee noJeremiah Fyah Ises. NgoMgqibelo eqongeni: Nathi B, Afrotraction, Dumza Maswana, Soul Culture noGuy J. Amatikiti afumaneka eComputicket ngeR200 ze iVIP ixabise iR350.

AMATIKITI! Siphisa ngetikiti elinye kubantu abalishumi abafuna ukubayinxalenye nalo mnyhadala kule mpelaveki. Umbuzo: Yeyiphi imvumi oyithandayo nonomdla wokuyibona kolu luhlu lweemvumi?

Thumela impendulo yakho nosuku onomdla wokuya ngalo ngokubhalela kwelinye lala maqonga. Facebook: Ilisolezwe Twitter: @ilisolezwe e-mail: isibhalo@inl.co.za kungenjalo kuWhatsapp: 0637439538