Iincwadi eziya kuMhleli

Kwiveki nje ezimbalwa ndiphulukene nezihlobo ezininzi ezithe zasutywa kukufa ngenxa yale khorona.

Khange ndikwazi nokuzila kakuhle ngenxa yemithetho ejongene nekhorona kodwa ndiqaphele ukuba uluntu ingakumbi oluntsundu aluyihoyanga tu le meko.

Ndifunde inqaku lenu apho benithetha ngosapho oluvule ibhokisi kuba lufuna ukwenza njengesiqhelo, iziphumo zibe mbi kakhulu.

Bosuleleka abantu kwafiwa. Masilandele imigaqo ebekiweyo kuba yenzelwe ukulungelwa kwethu.

– Derrick Mabhebhe, Gcuwa