iindaba ngokufutshane

UJordaan ukhuthaza ucoceko

UHLABE ikhwelo kubantu base Bhayi uDanny Jordaan ongusodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ukuba bagcine esi sixeko sicocekile kwaye babonakalise inkathalo kokusingqongileyo.

UJordaan uthe, iindawo ezininzi zoluntu ngakumbi kumgaqo iDurban Road neKorsten, zigcwele inkunkuma, abantu balahla nje naphi.

Iphulo lakhe beligxile ikakhulu kubantu abathengisa ezitalatweni, oonoteksi kwanabahambi ngeenyawo. Oka Jordaan ukhuthaze uluntu ukuba lilahle udothi kwimigqomo elungiselelwe wona.

Iphulo lokonga amanzi

USEKELA mphathiswa wamanzi nokugutyulwa kwelindle uPam Tshwethe ubambe indibano nosodolophu uDanny Jordaan ngephulo lokulwa ukuvuza kwamanzi.

Ngosuku lukabawo uNelson Mandela elingomhla weshumi elinesibhozo apha kuJulayi umphathiswa wamanzi nokugutyulwa kwelindle uNomvula Mokonyane uzakusungula iphulo lokulwa nokuvuza kwamazi.

Kulindeleke ukuba kuqeqeshwe malunga newaka elinamakhulu amahlanu wabemi beli kwiphulo lokulwa lengxubekaxaka.

Ingqonyela izakunyuka intaba

Ingqonyela kwiYunivesithi yase Nelson Mandela Metropolitan uNjingalwazi Derrick Swartz uza kunyuka intaba iMount Fuji eJaphani ngenjongo yokunyusa ingxowa mali ayisekele ukunceda abafundi abangathathi ntweni baqhubeke nezifundo zabo.

Oka Swartz uzakulisungula eliphulo ngalentsasa kwisakhiwo sale yunivesithi iHMS Building.

Amapolisa abulele umrhanelwa eBhofolo

AMAPOLISA aseBhofolo adubule abulala umrhanelwa otyholwa ngokuxhomisa axuthe iloli ehambisa icuba kumzi wakwa British American Tobacco.

Leloli kurhaneleka ukuba yaxhonyiswa eKapa necuba elixabisa ngaphaya kwekhulu lamawaka eeRandi. Umrhanelwa udubule amapolisa xa ebezama ukummisa, aze nawo abuyisa ngezawo de amenzakalisa.

Umrhanelwa ufunyenwe ephethe umpu neembumbulu, ukanti necuba ebelikule loli.