Iingxoxo ngekamva loMzantsi Afrika

UMzantsi Afrika uqumbile, kubi abantu abonwaba nezimvo zabo ziyabetha-bethana emva kwesithwakumbe sokugxothwa kukamphathiswa wemali, uNhlanhla Nene. Kanye emva kweso saziso sokuhamba kwakhe umphathiswa, iqondo lemali lihle ngendlela engazange yabonwa, kodwa nangona kukho izinto ezenza abantu babezintlaba-zohlukane, kwezemidlalo sinaso isizathu sokudibana sixhase iqela loMzantsi Afrika, Amaglug-glug, ayinxalenye yamaqela adlala kwitumente ebizwa ngokuba yi-Under 23 Afcon ebanjelwe kwilizwe laseSenegal.

Injongo yale tumente kukufumana amazwe amathathu azakuthi amele ilizwekazi le- Afrika kwii-Olimpiki ezizakube ziseBrazil kunyaka ozayo. Nangona bengaqhubanga kakuhle phaya naphaya, kodwa ngoku balungiselela ukudlala umdlalo wabo wokugqibela obalulekileyo nozakuthi ubabeke eBrazil ukuba bayaphumelela.

Ngaphandle kwamathandabuzo lo mdlalo wangomso uzakubanzima ngoba iSenegal yile ibivule ngabo kolu khuphiswano. Siyabakhuthaza abafana bethu abasakhulayo ukuba bakhuphe zonke izikrweqe zabo balwe ngandlela zonke ukuze bafumane indawo kwii-Olimpiki.

Ayiloqela lingabethekiyo iSenegal nangona lidlalela ekhaya, ukuba nje sizilungiselele kakuhle. Siyababongoza abantu bonke belizwe loMzantsi Afrika ukuba babanike inkxaso abayifaneleyo ukuze sililizwe sizokwazi ukuvavanya amandla ethu ebholeni ekhatywayo kumgangatho ongasentla kunalo sikuwo. Kwelinye icala kwiveki ephelileyo ilizwe belikhumbula ukubhubha kwalowo wayengumongameli, uNelson Mandela. Ukhunjulwe ngomdyarho weembaleki, amanqindi nangebhola ekhatywayo ngeCawe. Iimbaleki ziqhube kakuhle ngoMgqibelo, kwamnandi ke kweli phondo kuba iHeroes Marathon iphunyelelwe nguNtsindiso Mphakathi waseSajonisi.

Bekulithuba elide kulo mdyarho kugqugqisa iimbaleki eziphuma ngaphandle kweli phondo leMpuma Koloni. Zonke izinto zahamba ngocwangco nangaphandle kwamagingxi-gingxi. Kwavakala kamnandi ngebhola ekhatywayo ngeCawa. Uyancomeka noko umsebenzi owenziwe nguRhulumente.