Iinkathazo zomnxeba ophathwayo

Sancedakala ke kambe bubukho beminxeba ephathwayo, esendlwini yona ziinkwenkwezi. Umnxeba ophathwayo uwenza lula umcimbi, olungileyo nombi. Silungisa, silungiswe, sone, soniwe, sincedane ngale minxeba iphathwayo.

Nangani uluncedo nje umnxeba ophathwayo mna ndihlutshwa zizinto ezimbi ezenziwa ngawo.

Andingeni nakumaqonga onxibelelwano ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa kuwo. Kowu! Nyawuka watsh’ apho! Kunento ebhokileyo ke kutshanje yabantu abasitsalela iminxeba singabazi, singazi nokuba bazifumana phi na iinombolo zeminxeba yethu.

Basithengisela izinto esingazidingiyo nesingazifuniyo.

Akukho bantu bandidine ngathi ngabo bantu.

Kuthiwa abo bantu baqeshiwe, ukusihlupha yimpangelo kubo. Ndakuva zwindini! Uthi unaye umasingcwabane ufumane umnxeba wokunqwanqwela kowakhe; wakuthi sele unawo athi akubizela kuwo ungcono.

Kukho nabathengisa ii-inshorensi zeenqwelomafutha, bengakhathali nokuba sele unayo na.

Bandikruqula ndife ke bona abanunusa ngembolekomali nangamakhadi okuthenga ngetyala.

Iba ngathi bayakupha ezi nto xa sele bekucenga ukuba uzithathe, kanti baza kukuxaka mhla bakukolekayo.

Kukho iinamba endizijonga nje ndingazicholi xa zingena emnxebeni wam, ndiwuyeke ubhomboloze wodwa. Kukho ezithi sele ndizibambile ndifumanise ukuba zezi nto ndithetha ngazo, ndiziqhawule.

Inombolo eqala ngo087 neqala ngo03 neqala ngo01 nezineekhowudi zengingqi ezingaqhelekanga andizibambi xa ndixakekile, kuba uninzi lwale minxeba ndingayifuniyo iqala ngezo nombolo.

Ukungawuphenduli ke umnxeba kukwenza ukrokrelwe.

Kuse kukrokrelwe wena endaweni yokucinga ukuba inokuba zezi ntengisondini. Into ebangela akrokrelwe umntu ongawuphenduliyo umnxeba wakhe ikwazizinto ezenziwa ngabantu ngeminxeba yabo abangafuni zaziwe ngabantu. Abanye bavula amatyala ze xa kufuneka behlawule babaleke, xa bekhangelwa ngomnxeba bangaphenduli.

Bambi ziindlela zobumnyama abazihambayo nabangenako ukuthetha ngazo phakathi kwabantu xa betsalelwa umnxeba ngoogxa babo kuleyo mikhuba mibi.

Ezo nto ke zithathwa ziphoswe kuwe apha wena mntu ungawuphenduliyo umnxeba. Mna mntu umathileyo ke, omnxeba wakhe uhlala nje, ndiye ndibone sekusiza umntwana ebaleka ewuthe qhiwu ngesandla. “Beka endlebeni tata sendicofile, kukho mntu osemnxebeni!” Akugqiba, gwiqii, andishiye ndimhokamhokana nomntu wentengiso okanye nomntu endingafuni kuthetha naye.

Umntwana uwucofile ze wathi kulowo utsalayo, “bamba ndise kutata.”

Ngelakhe ucinga ngumnxeba obalulekileyo, kuba ke kambe andinatshomi mna, ke ngoko abantwana abacingi ukuba kukho uxathawana ongafane abhanxele emnxebeni kum. Iminxeba engena kum ibalulekile ke ngoko kokwabo ukucinga.

Kukho nonina wabo oye andigxezule ngathi ndilingcwaba elitsha ndakungawubambi umnxeba, ndibone ukuba uyandikrokrela.

Ukusuka apho awuthathele kuye athi “make ndibone esi siaramu sabantu singaphendulwayo.” Ndizithulele ke mna, ndingenzi nelimdaka.

Maxa wambi awuphendule, athi akuxakana nawo afune ukuwubuyisela kwakum, afike ndiwakhuphe azingqanda ndingawamkeli tu. “Sele uyigqiba ze undibalisele ukuba iyandifuna.” Ndilitsho ndisenza izinto zam.

Andimazi ke ukuba undikrokrela ngantoni, kuba ke wandigqiba kwandisengumfana, akusekho nto kunothiwa ndihilizela kuyo.

Andinguye nomntu wamatyala abalekwayo, endinawo ngala awaziyo nendingene kuwo kwangenxa yakhe lo.

Umnxeba ophathwayo andiwuthandi nasemntwaneni; uneengqeqesho ezingatshuzanga nezinto ezingazimasekileyo.

Kukho abantu abajika nokuba sele bekude kangakanani bakuwulibala endlwini umnxeba ophathwayo, ngenxa yezinto ezikuwo engathi khe zabonwa ngamehlo eziingawafanelanga konakale ukuhlala!

Mna ke andinojikela umnxeba ophathwayo, ukuba ndiwulibele endlwini uya kuphendulwa ngokufutshane okanye abantu bashiye imiyalezo yelizwi.

Iinto zomnxeba ophathwayo zishiya amehlo!