Iinkwenkwezi

ARIES: Mar 21 – Apr 21.

Eli xesha kwenzeka ukuba ibe lelona xesha lihle lokuzonwabisa, ngako oko yenjenjalo. Oku kuza kuqhubela ekubeni wenze abahlobo abatsha naba nokuba lulutho ebomini bakho.

TAURUS: Apr 21 – May 21.

Uza kuba ngumntu onamandla nempumelelo ebomini bakho nanjengoko kweli xesha unokukhuthazeka kwindlela ophila ngayo. Indlela yakho yempumelelo isekuphuculeni izakhono osele unazo entweni yokuzama into entsha.

GEMINI: May 21 – Jun 22.

Lixesha elihle kakhulu eli ingakumbi ukuba utshatile okanye unobudlelwane nothile. Ukuba unomnqweno wokutshata, eli lixesha apho imiqobo isukayo endleleni yakho. Amaxhala wona uwashiya emva.

CANCER: Jun 22 – Jul 23.

Inkqubela phambili kubudlelwane iyabonakala, kodwa into ebalulekileyo kukukhetha iqabane elililo. Ukanti ukuba ukhetha ukuzenzela izinto wedwa, musa ukoyika ukufumana izimvo zabo sele benamava.

LEO: Jul 23 – Aug 24.

Umyalezo kweli xesha ngowokuba wazi imida namandla akho. Wakuba ukwazi ukuthekelela amandla akho, uzakuba kwindawo entle yokwenza izicwangciso zekamva lakho.

VIRGO: Aug 24 – Sep 23.

Izinto eziqhubekayo kweli xesha zizakuqhubela ekubeni ulungise okuthile kwiinjongo zakho. Kuza kumele wenze izinto ngobukrelekrele ingakumbi ngoku ithamsanqa lingecala lakho kwiinjongo nezenzo zakho.

LIBRA: Sep 23 – Oct 23.

Kukho okuthile okuza kukothusa. Ukanti kuxhomekeke ekubeni ukulungele na ukwamkela kwaye usebenze nayo nantoni na onokuyifumana. Impendulo yakho entle ingakhatshwa lithamsanqa, ngako oko zithembe kwaye ukhuthazeke.

SCORPIO: Oct 23 – Nov 23.

Eli lelona xesha lithembisayo lokuba ubeyinxalenye yemiba yabucala enokuza nempumelelo encomekayo. Zinike ixesha lokuthandaza ngasese ukuze ukwazi ukufumana iimpendulo ezizizo kwimibuzo yakho. Ungazifumana izinto zakho zilungile.

SAGITTARIUS: Nov 23 – Dec 22.

Lixesha elinethamsanqa eli xa uzimisele ukuphucula indawo yakho emhlabeni. Zilungise indlela obukeka ngayo, kwaye uzibethise ngomoya kancinane. Gcina iminqweno yakho engqondweni de uyifezekise ngokupheleleyo.

CAPRICORN: Dec 22 – Jan 21.

Izinto zibonakala zingcono kwicala lemali, ingakumbi ukuba usandula kuqala ishishini elitsha. Ukanti noko kunjalo amatyala akho azakuthi ukonyuka, ngako oko ngcambaza kuhle ngendlela ophatha ngayo imali yakho.

AQUARIUS: Jan 21 – Feb 20.

Unentlahla eza notyelelo, incwadi okanye ukudibana ngebhaqo. Kuza kumele uqwalasele izimemo ngokuba okuthile kuza kuqhubela kwenye indawo ezakuba nenzuzo kuwe. Thabatha amathuba avulelekileyo kuwe.

PISCES: Feb 20 – Mar 21.

Kwicala lentlalo ekhaya izinto zibonakala zithembisa ingakumbi ngokubeka ikhaya endleleni eyiyo. Ukuba ukulungele ukuqala usapho, qhubeka nezicwangciso zakho. Okuqhubekayo ekhayeni lakho kunganeziphumo ezincomekayo.