Iintsapho mazilwe ukubhubha kwabakhwetha

NANJENGOKO siyazi okanye besiwulindele, umba wokuba bangaphi abakhwetha ababhubhileyo eMpuma Koloni sele uphinde wafika. Ngokufanayo nangenyanga yoMnga edlulileyo, okanye eyeSilimela nyakenye, nakulo unyaka sizakuphinda sizifumane sikuloo ngxaki yokubhubha kwabakhwetha.

Xa umbuzo usithi kutheni kunje, siphendula sithini? Futhi ingaba sakuyiphelisa nini le nyhikityha yokubhubha kwabantwana bethu? Ingaba silindele kurhulumente okanye kubani? Kutheni le nto sifuna ukuyenza ibeyinto yesiqhelo into yokubhubha kwabakhwetha? Ingaba ngubani kanye lo uyakusinceda ekupheliseni le ngxaki?

Le yimibuzo esihlale sibe nayo rhoqo xa kufika ixesha lesiko lolwaluko, ingakumbi xa sifunda kumaphephandaba, okanye sisiva kunomathotholo malunga nabakhwetha ababhubhileyo okanye abangeniswe esibhedlele.

Iqhinga lokupheliswa kwalo mkhwa alide livele ncakasana. Ewe iingqungquthela siya- zibamba, zenziwe neengxelo malunga nokuza- kulandelwa ukusindisa abakhwetha, kodwa bona abantwana bathe gqolo ukubhubha ngenxa yobutitisholo obenziwa ngabo bathwaliswe uxanduva lokubakhusela.

Ngenyanga yeDwarha ngo2014, iNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle wadiza ukuba bangamakhulu amahlanu (500) abakhwetha ababhubhileyo kweli phondo phakathi ko2006 no2014, lo gama iyinkitha ethe yaphulukana nobudoda bayo ngenxa yolwaluko olugwenxa. UMasualle wayethetha kwindibano eMthatha apho kwakukho iinkokeli zomthonyama, kuxoxwa ngamacebo okuphelisa lo mkhwa.

Ukuba uyabala ukusukela ngoko, ufumanisa ukuba bathe gqolo ukubhubha abakhwetha nanjengoko bengaphaya kwamashumi amane ababhubhe kuDisemba ka2015. Yhini na ukuhlala sisonge izandla abantwana bethu bebhubha.

Kutheni iintsapho zingangeneleli ngokunokwazo ukunqanda oku. Xa umntwana esiya eSuthwini ube ungazi wena wenza ntoni ngalo nto? Izigwebo eziqatha ziyafuneka kwabo benza le ntlonti, khon’ ukuze kwenziwe umzekelo ngabo badlala ngobunyulu besiko lolwaluko.