Iinyaniso ezintlanu ongasoze uziphikise ngomtshato

Mandibulise kubo bonke abafundi bephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Namhlanje sikhuthaza sikwacebisa bonke abantu abazokungena emtshatweni nabasemtshatweni, mhlawumbi nabo bonke abakhe bangena, baphinde baphuma benazo neenjongo zokuphinda bangene emtshatweni.

Namhlanje ndizokunika iinyaniso zibentlanu ekufuneka uzazi ngomtshato, kwaye ikwazezi nyaniso ongasoze ukwazi ukuziphikisa nanjengoko ukuqwalaselwa kwazo kuyincedile imitshato okanye ukuhoywa kwazo kuyichithile imitshato emininzi.

Kuyabaluleka ke ukuzisela iso iinkuthazo ezinje nanjengoko kungekho sikolo sokufundela umtshato. Ezi nyaniso zincede abantu abaninzi abangena bephuma kwii-ofisi zam befuna ingcebiso kwezomtshato.

UMTSHATO AYISOSIVUMELWANO SEXESHANA: Xa ungena emtshatweni cacelwa kakuhle ukuba le nto ungena kuyo asiyonto yexeshana, kodwa yinto yanaphakade ekumele wohlulwe kukufa nayo.

Ndiyafuna ke ukucebisa kubo bonke abazokungena, kanye nabo bonke esele bephakathi entsimini, nokuba niyaxabana, xabanani niyazi ukuba anikho sentweni yexeshana apha, loo nto ke iyakunincedisa ukuze namazwi la niwasebenzisayo xa nixabana niwakhethe, ingabi ngamazwi anokuchitha into ozimisele ukuhlala kuyo ubomi bakho bonke.

AWUTSHATANGA NENGELOSI: Xa ungena emtshatweni kubalulekile ukuba uyazi ukuba utshata nomntu, hayi nengelosi. Ukuze ke le nto uyichane kakuhle kumele ujonge wena, wakuzijonga uyakuqaphela ukuba uneempazamo ezininzi, yazi ke ukuba utshata umntu onjengawe, ukuba awugqibelelanga, naye lo mntu utshata naye akagqibelelanga.

Uninzi lwabantu bakhala ngemitshato okanye ngabantu abafike batshintshe babe yenye into emtshatweni, le nto ke yenziwa kukucinga ukuba utshata nomntu ongena mpazamo, kwaye abantu abatshintshi emtshatweni kodwa kuvela abona bona okanye ubunjani babo.

Baninzi abantu abaqinisekileyo ukuba bakhetha ngendlela engeyiyo, kanti inyaniso ithi nokuba ubunokunikwa ithuba lokuphinda ukhethe, ubuzokufika nakomnye eneempazamo zakhe, ngelinye ixesha zide zibe nkulu kunalo usuka kuye .

NANTONI NA ENIYENZA NGOKWAHLUKANA, INGANOHLULA: Umtshato yinto apha efuna ukunakekelwa oku kosana. Uyakwazi ukuthi wenza into entle nelungileyo kanti uyawuchitha, xa kanti uyenza loo nto ujonge wena, ungamjonganga umlingane wakho.

Kubalulekile ukuyijonga impumelelo kodwa kuhle kakhulu ukuyijonga uhamba nalo utshate naye.

Ndiqinisekile sonke siyavumelana ukuba neshishini yinto entle nedingekayo kweli xesha, kwaye inganenza niphumelele ngokukhawuleza emtshatweni, kodwa xa indoda kubethwa abaphi, naxa umfazi engeyo nxalenye yayo, nangona iyinto entle, ingawuchitha umtshato. Kananjalo xa umfazi elenza yedwa ishishini lakhe, indoda ingazi, noba kubethwa abaphi, izomane nje isiva kusithiwa siya kwintlanganiso yeshishini, lo nto ingakwazi ukuwuchitha umtshato. Into endifuna ukuyicebisa xa utshatile zama kangangoko ukwenza izinto nalo mntu utshate naye .

Lento ke iyancedisa ekubeni ungabe kufuneka ucacise yonke into, kuba naye uzobe elapha ecaleni kwakho, ebona ukuba wenzani okanye indlela iya ngaphi.

Ndakhe kwenye intlangano ndacebisa abantu abenza lo msebenzi nam ndikwakuwo – ubufundisi, ndisithi xa usenza umsebenzi kaThixo wenze kunye nenkosikazi yakho kuba xa ungenzi njalo uyozibona kufuneka ukhethile phakathi kwakhe nobufundisi. Kwaye uThixo akakwazi kunidibanisa nobabini kanti uzophumelela wedwa.

Mhlawumbi kwezinye izinto mtshati, ungade ugqobhozele nje kukuba uhamba wedwa, uzama ukuphumelela wedwa, kodwa kukho umntu owathi unyamanye naye, mandikuqinisekise kusezokuba nzima ude ube ulungisa izinto.

UTHIXO UDINGA ABANTU ABABINI UKWAKHA UMTSHATO, KODWA USATHANA UDINGA UMNTU OMNYE UKUWUCHITHA: Inyaniso ithi xa uzokuchitheka umtshato, uSathana ukhangela umntu hayi abantu . Kuyo yonke imitshato eqhawukileyo, mnye umntu oweza nengxaki yabe sele isosulela nomnye, kwaye kuye kungabi lula ukuxela ukuba ngowuphi owenze impazamo apha.

UKUNGAKWAZI UKUXOLELA EMTSHATWENI KWENZA UXINZELELO LWENGQONDO: Baninzi abantu abangasalaliyo, abanye balala ngeepilisi kuba besohlulwa nje kukuxolela abalingane babo.

Noba ukwesiphi isimo umtshato wakho ngalo mzuzu SUKUNIKEZELA, WUSEBENZE, likhona ithemba ngomtshato wakho.