Ikamva leeyunivesithi lisezandleni zethu

Kulo nyaka sibone oosaziwayo ababini bethweswa izidanga zobugqirhalwazi (PhD); esi sibini ibinguGqr Sipho Sithole weNative Rhythm Records kunye noGqr Mbuyiseni Ndlozi weEconomic Freedom Fighters (EFF) kule veki iphelileyo.

Njengesiqhelo ooFacebook nooTwitter bebephuphuma ngamazwi ancomayo. Yinto entle nyani le. Yeka wena ukuba bambi bengazi nokuba uphando-sifundo lwesi sibini belungantoni; okusalayo kukuba bangoogqirhalwazi, bafunde bayokutsho pha phezulu.

Kodwa makhe sibuye umva kancinci kulo mba wemfundo, ingakumbi yamaziko aphakamileyo. Ingaba na iiyunivesithi zethu kweli laseMzantsi Afrika zimlungiselela kangakanani na umfundi ukuba alungele ukulungisa ikhaya? Xa sisithi ikhaya sithetha ngoMzantsi Afrika kunye neAfrika iyonke.

Lo mbuzo usukela kwintetho kaNjingalwazi Mahmood Mamdani waseUganda obethetha kwiyunivesithi yaseKapa (UCT) ngoLwesibini.

UMamdani wakhe wasebenza eUCT ukusukela koka-1996 ukuyokutsho koka-1999. Waphuma kakubi pha emva kokuba eze neenzame zokuguqula umxholo wemfundo ephakamileyo, usekelezwe kubu-Afrika kuqala.

Nangoku, usame kwelokuba iiyunivesithi zeli zigxila kakhulu kumxholo waseNtshona; azifundisi umntwana ontsundu ngezinto azaziyo nanokuzitshintsha ngale mfundo yakhe, umfundi uphuma eyokozela zizidanga kodwa olo lwazi akanokukwazi ukuyokuziqalela ishishini ngalo okanye ayokutshintsha intlalo yabantu ngalo.

Kubalulekile ukuba iiyunivesithi, ingakumbi ezi zethu – iiFort Hare, WSU, NMU neRhodes – ziqale ukwenza le nguqu kwiinkqubo zazo. Ikwa zezi yunivesithi zilapha ephondweni naseNtshona Koloni (UCT neUWC) ezinokuseka amaziko eelwimi zesiNtu; apho kwakuqulunkqwa iikharityhulam zesiXhosa, ezibhalwe ngesiXhosa kuphuhliswe iilwimi ukuze zikwazi nezethu ukusetyenziswa kwizibhalo, nzululwazi, ezoshishino, nezinye.

Lithuba eli. Kukuzilungiselela oku. Akukho mntu uzakusenzela le nto; sithi nabantwana bethu abanokunyanzela ezi yunivesithi ukuba ziqale ukulungiselela thina ngoku.