Ikamva linamhlanje: Abafundi baseQueens baya eRhawutini

U-Akhona Mazwi waseSeymour kumasipala waseNkonkobe uguqula impilo yabantwana nabantu abadala bala ndawo ngokubavulela iingcango zethala leencwadi elitsha kula ndawo.

Lo kaMazwi uyinzalelwane yale ndawo ethe yafunda izifundo zobunzululwazi kumathala eencwadi kwiYunivesithi yaseFort Hare. “Ndivule eli thala apha emva kokuba belikade livaliwe ngenxa yokonakaliswa, ndisiza kusebenzisa ulwazi endinalo kule ndawo ndizalwa kuyo,” uthethe watsho uMazwi.

Le ntwazana ithi ikhule inomdla omkhulu kumathala eencwadi ingazi ukuba kwenzeka ntoni kwindawo ekuthiwa lithala lencwadi. “Ndikhule ndibona abantu abangoosisi besiya kwithala lencwadi oko emva kwemini kwindawo esasihlala kuyo eBloemfontein, ndiye ndabanomdla wokwazi ukuba kwenzeka ntoni waza wakhula umdla wam,”utshilo uMazwi. Idolophu yaseSeymour yenye yeendawo ezihlelelekileyo ngenxa yezinga lokungafundi kwabantu eliphezulu.

“Ndijikeleza apha eSeymour kwizikolo ezahlukeneyo ndixelela abantwana ukuba basebenzise ithala lencwadi, ndibafundisa ngokubaluleka kokufunda iincwadi kwanolwazi olukhoyo kwithala lencwadi,” ucacise watsho uMazwi.

Uhambisa athi ufundisa iilwimi eziquka isiXhosa isiNgesi nezinye izifundo ezixhobisa abantwana bala ndawo. Othethe egameni lomasipala wala ndawo uShirley Matyila uthi ukuvulwa kweli thala kuzakunceda abahlali ukuba baphucule ulwazi labo ingakumbi abantwana besikolo.

“Sinengxaki yezinga lemfundo eliphantsi apha ngenxa yemeko yentlalo, abantwana abanandawo abanokwandisa kuyo ulwazi labo emva kwezifundo zasesikolweni,”uthethe watsho uMatyila. Eli thala liyinxalenye yamathala alishumi elinesithandathu ekusalindeleke ukuba avulwe kwiindawo ezahlukeneyo zephondo leMpuma Koloni, itsho ingxelo.

U-Akhona Mazwi uthi ujonge ukuqhubela phambili izifundo zakhe kwinzululwazi yokukhathalela amathala eencwadi. “Ndijonge ukukhula ngamandla kulo mkhakha wenzululwazi ngamathala eencwadi, kunyaka ozayo ndijonge ukuya esikolweni kwakho ndiye kufunda isidanga kwinqanaba elingasentla,”ucacise watsho uMazwi.

Uninzi lweendawo ezikumaphandle eMpuma Koloni azinawo amathala eencwadi, kwaye oku kuqhwalelisa izinga lokuphumelela kubafundi abakwezi ndawo, itsho ingxelo.

“Sinethemba lokuba ukuvulwa kweli thala apha kuza- kunceda abantwana besikolo ukuba bakwazi nokusebenzisa iikhompyutha, bafumane nethuba lokuxoxa iingxaki zasesikolweni emva kwesikolo,”uthethe watsho uMatyila. UMazwi uthi buzakuguquka ubomi babantu baseSeymour ngenxa yeli thala lencwadi.