Ikwimeko embi intwazana ena11 edlwengulweyo!

IsekwiMEKO engancumisiyo intwazana eneshumi elinanye leminyaka ubudala nethe yadlwengulwa.

Ngokwengxelo yelungu losapho lale ntwazana, kusenzima nokuba ihlale kakuhle ngeempundu esitulweni kwaye kusenzima nokuba ichame kakuhle ngenxa yokonzakala kuba idlwengulwe, nangona nje yathungwa esibhedlele emva komonzakalo.

Ixhoba lidlwengulelwe emasimini kwilali yalo kuVonqo eDutywa ngethuba lithunywe evenkileni ngutatomkhulu walo ukuba liyokuthenga iti yokuphunga.

Le ntwazana idlwengulwe emini lihlabe umhlaba emva kokubizelwa emasimini ngumrhanelwa oneshumi elinesithoba nekuvakala ukuba ngabelali enye nexhoba.

Ngokwengxelo ephuma kumakazi wexhoba, udade omncinci wexhoba ubuye sele ekhala esithi usisi wakhe ubizwe ngumntu ongubhuti bayokutshona ngasemasimini kanti kulapho aza kudlwengulelwa khona.

Ixhoba libuye sele likwimeko embi kakhulu ngokokutsho kosapho.

Ongumrhanelwa kuthiwa wabaleka wayokutsho kwilali engaphesheya ebhida umkhondo ngokuthi akhulule isilamba ebesinxibile wasinyengeza kwigadi yomzi othile.

Umakazi uthi emva kokuba utamkhulu wexhoba ehlabe ikhwelo eluntwini, ilali ikhawuleze yaqokelelana, ootata bodwa ngelikhangela umrhanelwa ukuze akhonjwe lixhoba.

Umakazi wexhoba uthi, alikhange lide likhombe mntu, liye lawa sisiyezi lisajikeleza. Ingxelo ithi ilali yakuVonqo ihluleke kubini, apho usapho lwalowo utyholwa ngokudlwengula lusajamelene nolo lwexhoba.

I’solezwe lithethe nomakazi lo kuba umama wexhoba esothukile. Usapho luthi ikamva lomntwana alisayi kuphinda liqaqambe njengokweminqweno yakhe emva kwale yehlileyo into.

Umrhanelwa ubanjiwe ngempelaveki. Uvelile ngoMvulo kwinkundla yamatyala eDutywa akanikwa bheyile.

Ulindeleke ukuphinda avele kwakhona ngomso.

abongile.ginya@inl.co.za