Ileta: Bakuphakanyiswa ngubani xa uMbhashe uthe cwaka?

Sodophu obekekileyo eMbhashe, mnumzana Samkelo Janda, nesigqeba sakho sonke, ndiyanibhotisa.

Ndithi mandibhale imiqolo embalwa kuba ndibona nithule, nithe cwaka nangona abantwana benu besenza izinto ezinkulu.

Kutshanje, uMbhashe ubusematheni ngenxa yabantwana baseDutywa abagqwesileyo kwezemidlalo.

Owokuqala yintombazana edlala amanqindi ngendlela enganambaliso. Igama layo nguBukiwe “Anaconda” Nonina welali yakuMangce.

Le ntokazi yenze imbali eMzantsi Afrika ngokuthi ikhusele intshinga yeBantam-weight kahlanu emva kokubetha uSimangele Hadebe, eKing Hintsa College, ekupheleni kwenyanga yeDwarha ku-2016.

Yimbali leyo kuba zange yenzeka kweli lizwe lo nto. Ndancokola naye kwiintsuku ezimbalwa emva komdlalo wakhe, ndaphawula ukuba ukulwela phambi kwabantu bakowabo (eDutywa) yinto ebalulekileyo kuye ngoba ufuna ulutsha lubone ukuba impumelelo uyakwazi ukuyifumana nokuba ungowaphi kulo Mzantsi Afrika mtsha. Yonke le nto yenzeka usodolophi ekhona ngala mhla.

Owesibini umntwana ozenzele igama nguYamkela Chintso – idyokhi ebiphalisa uAndazi, ihashe laseTyekelebende elibuye nodumo kwiBerlin November yalo nyaka. Bobabini bayifunqule iDutywa nabantu bayo.

Njengabantu abasuka ezilalini ezitsala nzima kwicala lenkxaso yemidlalo – impumelelo yabo yinto ebekumeluba inkulu kulo masipala.

Ndikholelwa kwelokuba impumelelo yesi sibini iqulethe umyalezo oya kulutsha othi: iDutywa yindawo incinane – kodwa yembali, evelisa iintshatsheli, abantu abasisibonelo eluntwini ngokubanzi kwaye babonisa amandla wabantu baseDutywa abathubeleza kwimiceli- mngeni yemihla ngemihla.

Emva kwazo zonke ezo zinto zintle bazenzileyo, khange ndive nto kuthiwa yenziwe ziinkokeli zikamasipala waseMbhashe.

Emva kwe-2016 Olympics eRio de Janeiro, eBrazil, uLuvo Mangonga noWayde van Niekerk, bamkelwa ngokufudumeleyo ngumasipala waseKapa kuba udumo lwabo emidlalweni kwayiphakamisa indawo yabo njengendawo etyebileyo kwezemidlalo.

Kutheni uthe cwaka nje uMbhashe Municipality?

Aba ngabantwana ekumele ukuba baqhwatyelwa izandla ziinkokeli zabo futhi banikwe inkxaso epheleleyo ngaphandle koloyiko.

Makubekho into eyenziwayo ukuze nabanye abantwana eMbhashe babone ukuba “urhulumrnte wabo” uhamba nabo kwiinzame zabo zokuphumelela ebomini.

Pedro Mapelo, ngumbhali wezemidlalo kweli phephandaba lesiXhosa.