Ileta eya kwiSebe lezeMfundo esiSiseko

Ndithe xa ndiphonononga izikolo zikarhulumente ndafumana le mingeni ilandelayo:

Izinga eliphezulu lokungapasi kwabafundi

Ukukhulelwa kwabafundi esikolweni

Ukuxhatshazwa kweziyobisi ngabafundi

Ukuxhatshazwa kotywala zititshala

Ootitshala abangahambi sikolo

Abafundi abayeka phakathi esikolweni

Iintlanganiso zabazali ezingasahlaliyo

Abazali abangazihambiyo iintlanganiso zesikolo

nezinye ezininzi.

Ngoko ke ndicebisa ezi zisombululo zilandelayo:

UNobhala wesikolo kufuneka abe neenkcukacha zonxibelelwano zomzali womfundi ngamnye.

Umzali kufuneka abizwe xa kukho umba oxhalabisayo ngomntwana esikolweni, kuxoxwe nangenkqubela yomntwana.

Iintlanganiso zabazali mazihlale rhoqo emva kweenyanga ezintathu.

Umsitho wokubhiyozela abafundi abaphumelele emagqabini mawube khona rhoqo ngonyaka.

Imidlalo nezinye iinkqubo ezinceda abantwana badlamke mazisungulwe kwisikolo ngasinye.

OoNontlalontle mabacelwe bandwendwele izikolo ukwenzela abafundi babe nethuba lokuphalaza iingxaki abajamelene nazo emakhaya nasekuhlaleni, ezinokubangela bangaqhubi kakuhle esikolweni.

Isikolo masiququzelele umboniso wamabanga aphezulu ukwenzela abafundi bakhethe kuselithuba izinto abaza kuzenza eYunivesithi

Makucuthwe umthamo wabafundi kwigumbi ngalinye lokufundela

*UMnu. Chris Dyokomba ubhala eseMakhanda, eMpuma Koloni.