Ilizwe laseJamani limemelela intsebenziswano neli phondo

“Zininzi izinto esifana ngazo siyiLower Saxon yaseJamani kunye neli phondo leMpuma Koloni kumele sisebenzisane ke ngoko” 

La ngamazwi womongameli wephondo laseLower Saxon eJamani uBernard Busema ngethuba ethetha namalungu epalamente yephondo leMpuma Koloni eBisho. 


Uthi iMpuma Koloni inomhlaba omninzi otyebileyo ekumele ukuba uvelisa ukutya okuninzi, logama nephondo labo iLower Saxon ililo elivelisa ukutya okuninzi kweliya laseJamani. 

Urhulumente wephondo laseMpuma Koloni wasungula ubuhlobo neli phondo laseJamani ngonyaka ka1995.


La maphondo asebenzisana kwimicimbi yezemfundo, inkcubeko kunye nezolimo.  Kwaye kule minyaka ingaphezu kwamashumi amabini sele zibonakele iziqhamo, itsho ingxelo.

“Ninendyebo yokuba ninonxweme kunye nomhlaba omninzi okumbindi welizwe njengokuba kunjalo nakuthi eLower Saxon,” utshilo uBuseman.

 

Ikwaya ephuma eLower Saxon eJamani ibikutyelelo eMonti eMpuma Koloni ngonyaka ka2015, ihamba negqiza lezifundiswa ebezisenza uphando kwimikhakha eyahlukileyo. 

Usomlomo wepalamente yeMpuma Koloni uNoxolo Kiviet, uthathe imizuzu esazisa igqiza lamalungu epalamente yaseLower Saxon kwindlu yowiso mithetho eBhisho.


“Inxalenye yotyelelo lweli gqiza kukuba ngomso baza kutyelela iziko loshishino i-IDZ eMonti, besiya kuzibonela umsebenzi oyimpumelelo ngenxa yentsebenziswano phakathi kweMpuma Koloni kunye nephondo laseLower Saxon. 

Ilizwe laseJamani lelinye lamazwe ehlabathi athe ancedisa uMzantsi Afrika ukusukela emva kwemfazwe yesibini yehlabathi ngokuthumela amajoni anezakhono ezahlukileyo kweli. 

Ngenxa yalo ntsebenziswano zininzi izindlu zenkonzo, izikolo namaziko empilo awakhiwe ngenxa yale ntsebenziswano.