‘Ilizwi lenkokeli embombozelayo alivakali’

UMluleki Dlelanga ongunobhala kazwelonke weYoung Communist League (YCL) UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Unobhala wolutsha lamaKomanisi (Young Communist League) kuzwelonke uMluleki Dlelanga, uthi iinkokeli zoluntu kufuneka xa zikhwele eqongeni zithethe intetho eyetyisekayo eluntwini ziyeke “ukumbombozela”.

Ethetha kwiholo yesixeko saseMonti kwiveki ephelileyo kwinkonzo yesikhumbuzo yeqhawe lomzabalazo uBoyce Melitafa (62), uDlelanga uthi iinkokeli zezopolitiko zinoxanduva lokuthetha intetho evakalayo ukuze abantu bashiyeke bonelisekile.

“Inkokeli kufuneka ithethe kuvakale, ingambombozeli kuba ilizwi lenkokeli embombozelayo alivakali. Uqabane uMelitafa ebethetha kuvakale, ebengambombozeli,” utshilo uDlelanga.

Intetho yabantu abangavakaliyo yinto ethe ndii kumaqonga ezonxibelelwano. Ngokomzekelo kukho isiqhulo esithi: “Ilizwi lendoda engabhejiyo [ukutenda isinqandamathe] alivakali.”

Ekwekwa uMongameli Jacob Zuma uDlelanga uthe: “Ukuba uyabona phaya eZimbabwe, uMongameli [Robert] Mugabe ufuna ukushiya unkosikazi wakhe uGrace esihlalweni xa ebeka phantsi. Jonga nakwamanye amazwe eAfrika, ubone ukuba oomongameli xa beshiya izikhundla bafuna ukushiya izalamane zabo.”

Oku kungabonwa njengomzekelo ojoliswe nguNkosazana Dlamini-Zuma, obesakuba yinkosikazi kaMongameli Zuma, okugqatso lobumongameli kwiANC, kuba uthe kanye xa ekwesisihlandlo uDlelanga, iholo lahlokoma lisithi “nantsi isenzeka apha ekhaya lo nto”.

UDlelanga uthe: “Umzabalazo wethu usengxakini kuba siyekile ukonyula iinkokeli ezinezakhono, koko sonyula iinkokeli ezizakwenza le nto ifunwa sithi.”

UMelitafa, obhubhe engunobhala wamaKomanisi kwingqingqi yaseBuffalo City, ungcwatyelwe kwikhaya lakhe eMooiplaas eMonti ngoMgqibelo.

UMelitafa yenye yeenkokeli zopolitiko edlale indima ekusekweni kwemanyano yabasebenzi bakamasipala iSAMWU (South African Municipal Workers Union) ngo1987. Ukwadlale indima nasekusekweni kweUnited Democratic Front eyayichasene nocalucalulo.

Umakhwekhwetha wentatheli * -Eric Naki, oyinzalelwane yaseMdantsane, ubhale kuFacebook wakhe ngoMelitafa esithi: “Akekho [umntu okwezopolitiko] eBuffalo City ongamaziyo uMelitafa kuba ebeneengcebiso kwimiba yezopolitiko ngenxa yamava akhe.”

“Wayenalo ithuba lokuya kusebenza kuzwelonke njengenkokeli yemanyano yabasebenzi kodwa wakhetha ukushiyeka kwingingqi yakhe. Ebengazidli ngamava akhe ezopolitiko, endaweni yoko ebengumntu othobekileyo,” utshilo uNaki.

Unondyebo weSAMWU kuzwelonke uPortia Lindi uthi le manyano iyazingca ngegalelo elenziwe nguMelitafa kwiSAMWU.