Imbali ngamaBhele akwaTetyana eDutywa

UTetyana wayengumfo wasemaBheleni, wayengumNdlambe ngokobuzwe. AmaBhele asezinye zezizwe zabaMbo ezabaleka iimbambano ezazikho ngethuba leMfecane kaMatiwane.

Amanye amaBhele abaleke ngethuba likaDingana ngethuba wayehlasela iintshaba zakhe, abantakwabo nezihlobo zabo. Aba bantu baya kuwela amaXhoseni, waza uHintsa wababela iinkosi ezininzi zamaXhosa sele bebizwa ngokuba ngamaMfengu.

UTetyana waye wakha umzi wakhe phakathi kwamaNdlambe engumphakathi apho. Ngethuba lokufuduswa kwamaNdlambe eRhini, kwezi ndawo: amanye eNgqushwa, amanye eBerlin, amanye eQumrha, phantsi koSmit Mhala, umTshawe owayeyinkosi ekwalipolisa, uTetyana waba phakathi kwaloo maNdlambe asiwa eDutywa behamba noColonel Gawler (uGola). Ekunye namanye amadoda angooMaqanda, ooNomatye, kuquka nenkosi uSmit. Bonke babengamapolisa.

UTetyana wafika wakha umzi emantla entlambo yakuCamandashe, ekuthiwa kukuGecane.

Emazantsi omzi wakhe kwakukho ilitye elaliphantsi komthi womqwashu apho kwakumpompoza khona amanzi amyoli abandayo. Ibali lithi njengoko kudala amadoda ayengawaseli amanzi aleleyo abafazi bakwakhe babesikha amanzi ekuseni bewakhongozela phantsi kwelo litye. Kuthiwa lo mnumzana wayengawaseli amanye amanzi ngaphandle kwalawo ampompoza phantsi kwelo litye.

Le ndawo kuthiwa yathi yahlonipheka esaphila yabizwa ngokuba kukwaQaqamba kuba loo manzi ayebanda kakhulu eqaqambisa amazinyo. Abanye abantu babalisa bathi, uTetyana watshona apho kweso siziba xa wayethwasa, ebizelwe ngumlambo.

Kuthiwa wakhutshwa apho eligqirha lomlambo, kuba kwelinye icala kukho ilitye elinesigingqi esinamanzi aluhlaza esingatshiyo, kwaye ecocekile engenabulembu nokuba sekubalele. Kuthiwa uTetyana wathwasela phantsi kwelo litye ethwasiswa sisilo somlambo.

Wakhutshwa ligqirha lomlambo, eligqirha. Ngokophando ingcwaba lakhe alikho phaya ecaleni komlambo njengoko engazange abhubhe ngengozi emlanjeni. Abantu esasibuza kubo abakwazi kulikhomba ingcwaba lakhe, alaziwa ukuba liphi.

Ibali lithi, ‘Impi yakwaTetyana yemka kwaNdlambe ngethuba kuvela imithetho yomLungu yobiyo waze waya kuma kwimihlaba eyayilawulwa ziinkosi zamaMfengu ezazingaligatyi ubiyo, njengoko amaNdlambe ayengafuni nokulibona.’

Impi yakwaTetyana imi kumhlaba obizwa ngokuba kusemaBheleni, phantsi kwengingqi yaseNywarha. Ekuhambeni kwexesha ngenxa yokuvelelwa ngamathongo, impi yakwaTetyana yaqalisa ukumana isiya kwenza izinqulo nezingxengxezo phezu kweso siziba saloo mlambo wakwaGecane apho sikhoyo isiziba sakwaTetyana. Bafika ngamanye amathuba bashiye izitya neebhekile ezintsha notywala besiXhosa nobesiLungu.

AmaNdlambe ngabantu abasabambe izithethe nabanentlonelo kwiinkolelo zesiNtu, akukho mntu ukhe aphazamisane nale mpi yakwaTetyana nezinto abazishiyayo.

Lo mhlaba unale ntlambo uphantsi kwesibonda sasemaNgwevini, ayimpi kaMoki unyana kaKwale. Inkosi enkulu yale ndawo yakwaNdlambe nguMveyishi Bhekizulu Bonkolo ongumzukulwana kaSmit Mhala wasemaTshaweni ozalanayo nala maNdlambe aseCiskei kwaMakinana.

Sele kuvele ngoku namanye amabali athi apho kuloo ndawo inesi siziba kuhlala abantu bomlambo, ukuba umntu ukhe wasondela ebusuku ecaleni ngakule ndawo kuye kuvakale ilizwi elikhwazayo lisithi: ‘Yheyi mntu ohambayo unganyatheli loo mithombo. Bendiya kukwenza into ibonwe, kodwa uya kusinda kuba ndincancisa!

Emazantsi aloo ntlambo kwakhiwe indawo yokudipha iinkomo. Abantu abawela loo ntlambo ebusuku, abanye babalisa bathi xa bewela apho bakhe beve umntu okhwazayo othi: ‘Sakudibana ediphini kwaQaqamba, Kwamfazi onebele elinye!’

Abanye abantu abakhe bawela ecaleni kwale ndawo ebusuku bathi usuke ube namanwele, kuthi kusenjalo uve kusitsho ingoma yomhlahlo yamagqirha, amana ukumisa ingoma enqula.

Le ngoma ithi: Wadidiyela unonkala ngasemlanjeni, Wadidiyela unonkala ngasemlanjeni, Unonkala ngasemlanjeni, Unonkala ngasemlanjeni! Aba bantu bakwaTetyana ngamaBhele akwaDlambulo. Abantu abaninzi bayabhideka bengazi nokuba elinye liba lelakwaDlambulo xa kutheni kwaza kwathi. Kwafuthi elakwaKhuboni lahluka kanjani kwelakwaDlambulo nelakwaLutshaba. Lize lona elakwaMafu ibe lelitheni? AmaBhele kaloku aphuma kuBhele ozala uLanga.

IBhele lakwaKhuboni: Le ndlu iphuma kuLanga. UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni. IBhele lakwaMafu: Le ndlu iphuma kuKhuboni.UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. Le ndlu inkulu kaMafu yaqhekeka kuyise uKhuboni nakubantakwabo abanguLutshaba noDlambulo yaza yazibiza ngokuba ngamaBhele akwaMafu.

IBhele lakwaLutshaba: Le ndlu iphuma kuKhuboni. UBhele uzele uLanga; uLanga ozala uKhuboni; uKhuboni uzele oonyana abathathu abangaba: uMafu owokuqala; uLutshaba ukunene noDlambulo owesithathu. Le ndlu inkulu kaLutshaba yaqhekeka kuyise uKhuboni nakubantakwabo abanguMafu noDlambulo yaza yazibiza ngokuba ngamaBhele akwaLutshaba.

IYAQHUBEKEKA KWIVEKI EZAYO…