Imfazwe Yamanzi

Liyinene elithi into exabisekileyo uye uyibone ukubaluleka kwayo xa ingekho okanye xa inqabile.

Nako sivuka ekuqaleni kweveki amanzi ethontsi-thontsiza kancinci ezitephini. Ngelethu ibingathi ebezakuvalwa iiyure nje ezimbalwa aphinde abuye kwamsinya. Xa sifika e-ofisini sibuliswa yimiyalezo yokuba amanzi azakuvalwa into engangeentsuku ezintathu. Phofu sisiva ezi ndaba sele ephelile. Ezi zizinto esidla ngokuva ngazo zisenzeka koomaGcuwa; ayizozinto esikhe sicingele ukuba zingenzeka nakwiidolophu ezinkulu.

Ibiseso siphithiphithi ke kweli Monti; phandle kugqitha abantu abaphethe iimbombozi, abanye bephuma kwiivenkile bephethe iibhotile ezininzi zamanzi, ukanti nakwiivenkile ezenza ikofu neziselo kubekwe izaziso ezithi akho manzi. Kude kwathi gqi noosomashishini abazibonele ithuba, bagqiba kwelokuba mabathengise amanzi ezitalatweni. Uthi xa ungena kwiivenkile ufike zonke iibhaskithi zinamanzi. Xa ujonga amaphephandaba kukhokela iindaba ezithi “Intlekele yamanzi” noo “Ayaphela amanzi eMtoni!”

Yintlekele nyani. Zininzi izinto ezixhomekeke kula manzi. Umntu xa efika kwakhe okanye kokwabo uzakufika enze njani? Uzakuhlamba ngantoni? Uzakugungxula ngantoni? Uzakusela ntoni? Njalo-njalo.

Noko ukuba umasipala waseBuffalo City ebekhuphe isibhengezo phambi kokuba baqale lo msebenzi wokulungisa imibhobho esuka edamini, abantu ngebekwazile ukugcwalisa amapheyile babenawo amanzi abanawo kwezi ntsukwana. Ngoku isuke yangathi liqubulo yonke le nto. Sinayo ingxelo engonobangela wolu nqongophalo lwamanzi kweli lanamhlanje iphepha.

Ukungabikho kwamanzi iye yasisifundo esikhulu ngokubaluleka kwawo. Kudala oomasipala norhulumente ngenkqu bekhuthaza abahlali ukuba bonge amanzi. Ibengathi bathetha amampunge ngoba amanzi ayinto apha eqhelekileyo nesoloko ikhona. Kanti azakuhamba ahambe anqabe. Kude kubekho neentengiso ezithi kwimfazwe elandelayo emhlabeni kuzakuliwa ngamanzi. Ingxaki ikhona.