Imiheshuzo yokutshintsha ulawulo lukaMasualle

USihlalo weANC uOscar Mabuyane ethetha neentatheli eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Iinkokeli zeANC eMpuma Koloni ngokukhokelwa nguSihlalo uOscar Mabuyane zisingise eLuthuli House eRhawutini ukuya kufumana igunya lokutshintsha ulawulo lweNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle.


Ilungu leANC elisondeleyo kulo mba lixelele I’solezwe lesiXhosa ukuba amagosa aphezulu kwiANC ephondweni, ekhokelwa nguMabuyane, antingele eLuthuli House ngokuhlwa kwangeCawe.

“Injongo kukuya kuxelela isithandathu esiphezulu kwiANC [eLuthuli House] ngohlolo olwenziwe kulawulo lorhulumente waseMpuma Koloni kuquka nezigqibo zokutshintsha ulawulo lukaMasualle,” litshilo eli lungu leANC.

Indibano yokuxoxa ngekamva likaMasualle izakubanjwa ngoMvulo eLuthuli House.

UMabuyane uxelele amalungu eANC kwindibano ebizwa iLekgotla kwihotele i-ICC eMonti ngentsasa yangeCawe ukuba lifikile ixesha lotshintsho kwisirhulumente sephondo.

UMabuyane uthi ukudodobala kobudlelwane phakathi kweANC yephondo kwakunye nesirhulumente eBhisho, kuko okubangela olu tshintsho.

“Ikomiti embaxa yeANC ephondweni (PEC) igqibe kwelokuba iphonononge urhulumente wephondo lethu ngenxa yobudlelwane obungabuhlanga phakathi kweANC norhulumente. Yiyo le nto sibone kubalulekile ukuba senze utshintsho,” utshilo uMabuyane.

Ngokwabasondele emfuthweni wolwazi, phantse isiqingatha sekhabhinethi kaMasualle singachaphazeleka kolu tshintsho.

UMasualle ebeyinxalenye yale Lekgotla, nangona nje ibingacaci indima yakhe nanjengoko ebengekho kuluhlu lwabo bafolele ukwenza ilizwi. Ngokwezicwangciso, uMasualle kulindeleke ukuba enze intetho emalunga nobume bephondo eBhisho ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga.

UMabuyane ukwavakalise ukuba bazakwenza utshintsho nakwisigqeba solawulo koomasipala abaquka iMnquma, Sajonisi, Walter Sisulu kwane-Enoch Mgijima.