Imiyalezo engagunyaziswanga ngabasemthethweni yenza uxinizelelo noloyiko!

Amapolisa ephondo leMpuma Koloni axhalabile yimiyalezo eshicilelweyo, imifanekiso kwakunye neevidiyo ezithutyeleziswa kunxibelelwano lomnatha nezigrogrisa uluntu jikelele malunga nohlaselo oluqhubeka eMzantsi Afrika.

“Le miyalezo ithunyelwa ngeMaCBook, Twitter kwakunye noWatsapp, idala uxinizelelo, Inkxalabo kwakunye noloyiko malunga nokhuseleko loluntu lweli loMazantsi Afrika.
Le miyalezo iqhubeka nangona nje ingaqinisekiswanga ukuba isuka kubani na. Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, amapolisa wethu asabele kwiindawo ezininzi kwikhwelo elenziweyo ngenxa yale miyalezo, abantu bayibona kule minatha, kanti lilize, ” oku kudizwe nguMkomishinala wamaPolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga.

UNjengele Ntshinga uthi ukuba zikhona ngenene izigrogriso eziqinisekisiweyo, uluntu lakuthi lwaziswe ngabasemagunyeni. 
Uthi umbuso uxakekile uzama ngako konke ukukhusela uluntu.
Ukanti uMongameli welizwe uCyril Ramaphosa usikhalimele esi senzo, esithi uluntu maluthathe uxanduva luyeke ukuthumelelana le miyalezo igrogrisayo kuba ixhalabisa uluntu.
“Le mifanekiso, iividiyo kwakunye nemiyalezo eshicilelwayo ixhonywa kwiminatha mayiyekwe kuba ayikaqinisekiswa kwaye ingeyonyaniso kuba iphilisa kakubi ikwangcolisa eli lizwe loMzantsi kwakunye noluntu. 
Oku kukwabeka ubom boluntu ebungozini. Masingaqhathani kwaye masingoyikisani.”  uvale ngelo uMongameli.