Impendulo kwiinzingo zaseJeffreys Bay

Iqela labo bathabatha inxaxheba kwinkqubo yokufundisa ngezimali eOasis FM

Basandula ukubhiyozela ukugqiba iminyaka elishumi elinanye ukusukela oko baqala iMpendulo Savings eJeffreys Bay, kwaye sele benze ingeniso emalunga nezigidi ezilishumi elinesithoba zeerandi (R19 million).

IMpendulo Savings yasungulwa nguJill Thompson kwaye umsebenzi wayo kukunceda iintsapho ezingathathi ntweni eJBay ukuze zikwazi ukuqubisana nemingeni yendlala.

Le ndibanisela yokonga inamalungu angamawaka amabini kwaye ukwaqhuba nombandela wokufundisa ngezimali kwanoqeqesho lwezoshishino, isebenzisa inkqubo kanomathotholo ebizwa ‘Be Money Wise or Go Mad’.

Le nkqubo idlalwa kwiOasis FM yala mmandla rhoqo ngentsimbi yeshumi kusasa ngooLwezine.

“Saphehlelela [eli nyathelo] ngethemba lokuba liza kuncedisa ekulweni indlala, neyayingunozala wolwaphulomthetho, udandatheko lwabantwana kwaneentsapho ezingazinzanga. Sasifuna ukwenza umahluko omncinane, kodwa asizange sicinge ukuba iminyaka yethu yokuqala yeshumi elinanye iyakuba nje,” utshilo uThompson, umlawuli weMpendulo Savings.

UHlengiwe Radebe ongumlawuli wophuhliso lwezoqoqosho kwiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay uthi bayazingca ngokuxhasa iMpendulo Savings ukusukela ngo2013.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za