IMpuma Koloni isebugxwayibeni

IMPUMA Koloni liphondo elinelona qondo liphezulu lentswelo-ngqesho lika-35.5% kwilizwe liphela, apho abantu beli phondo abakwizigidi ezibini bengekho kwiintshukumo zoqoqosho nto leyo ebangela ukuba uninzi lubhuqwe yindlala.

Kwakhona, iMpuma Koloni yeyona ndawo apho ubani abhubha msinya nanjengoko eyona ndoda ikhulileyo, ngokwentelekiso, ibhubha xa ineminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo (58) ze inkosikazi ibhubhe xa ikwiminyaka engamashumi amathandathu anesine (64).

Oku kuvele kwiinkcukacha-manani ezithiwe thaca nguNthambeleni Mukwevho wakwaStatistics South Africa obethetha kwindibano yokuqwalasela imo-ntlalo yeli phondo kwanobungozi bokuthutyeleziswa kwecuba elingekho semthethweni, ebibanjelwe eThe Venue eHemingways eMonti izolo.

Le ndibano ibiququzelelwe libhunga eliqwalasela iimeko zemo-ntlalo yezoqoqosho eMpuma Koloni (Eastern Cape Socio Economic Consultative Council [ECSECC]).

Kule ndibano, uMukwevho uxelele abathunywa ukuba uninizi lwabantu abakuma-326 000 baseMpuma Koloni bathe balifulathela eli phondo kule minyaka mibalwa idlulileyo besiya kufuna amadlelo aluhlaza kumaphondo afana naseRhawutini naseNtshona Koloni.

Kwiinkcukacha ebesisandula ukukhutshwa, izinga lentswelo-ngqesho libonakala likhula kweli phondo, nalapho – ngokwentelekiso – uninzi lwabantu baseMpuma Koloni bephila ngomvuzo we-R90 156 ngonyaka. Umasipala iNtsika Yethu, owenziwa yiCofimvaba neTsomo, ngoyena masipala ubhuqwa yindlala kweli phondo nakwilizwe liphela, ngokokutsho kukaMukwevho.

UMukwevho uthi kugquba nje indlala kweli phondo kungenxa yokuba babalelwa kwi-8.3% kuphela abantu abanemfundo yangaphaya koGrade 12. “Indlala ibakho xa abantu abaninzi bengenamfundo ibhekele phi.”

Kusenjalo uTeboho Qholosha oyingcaphephe yezophuhliso kwaECSECC uthi eyona mingxili yezoshishino engahlangula iMpuma Koloni kobu bugxwayiba zezolimo, uqoqosho lweelwandle, ezemoto, ezokhenketho, umbane ohlaziyekileyo kwanoxonkxo-mveliso.