Imvumi ephila ne-albinism iphephezelisa iflegi yeMpuma Koloni

Cwenga Nomnganga

IMINGENI yenkubazeko ayingomqobo nakanye kwimvumi yaseMpuma Koloni uCwenga Nomnganga.

UNomnganga, 24, nowaziwa ngcono njengoGxarha, wazalwa enesimo solusu olukhanyayo (albinism) kunjalonje engaboni kakuhle nasemehlweni. Kodwa konke oku khange kuthibaze iminqweno yakhe yokuzibona etshila kumaqonga amakhulu omculo.

Le mvumi, neyazalelwa kwidolophana yaseNgcobo, yaze kamva yafudukela kuKomani ukuze iqhube nezifundo, kulindeleke iphephezelise iflegi yeMpuma Koloni kwikhonsathi yeemvumi eziphila nenkubazeko ( SA Disabled Musicians) eza kube ibanjelwe eSedibeng eVereeniging.

Le mvumi yeRap ixelele I’solezwe kudliwanondlebe ukuba susela oko yonyulwa ukuba imele ezinye iimvumi zange iphinde ijonge ngasemva.

“AbakwaSADMA baye bandikhetha njengogqwesileyo ukuze ndimele ezinye iimvumi kule projekthi yabo,” kubalisa uGxarha.

Ikhono likaGxarha lokucula iRap livuthwe kwisikolo sabangaboniyo iKhanyisa School for the Blind nalapho aphumelele ibanga likaGrade 12.

“Kulapho ndaye ndazibandakanya nabahlobo abathanda umculo, oko kwandinceda kakhulu.

“Bendihlala ndimamele umculo kaBrickz – bendiwuthanda kakhulu,” kutsho uGxarha, osele eneDegree yeBachelor of Administration in Human Resources Management nawayenza kwiYunivesithi yaseFort Hare.

Esikolweni ekunye nabahlobo bebehlala bephulaphule iingoma zeemvumi ezifana noPro X, Maraza, F Eezy, Driemanskap, Dangatye, Teargas, Yahkeem, ProKid nezinye eziliqela.

UGxarha, nozibiza ngesiduko sakhe, uhlala exhoma umculo wakhe kunxibelelwano lweYouTube, kwaye apho unabalandeli abaninzi abakwiMpuma Koloni nakwamanye amaphondo.

Uthi wayesebenzisa imfonomfono ephathwayo ukushicilela iingoma zakhe.

“Ngo2006 ndaye ndaqala ukubhala iingoma zam, ndize emva koko ndizishicilele ngefowuni, ndivise abahlobo bam ukuze bakwazi ukundigweba,” utsho.

Ngo2007 wakheth’ ukuvula iqela elibizwa iM4L ekunye nomhlobo wakhe uAphiwe ‘Dr. G’ Nkonki. Eli qela kungoku linamalungu amathandathu.

Ngenxa yokuba babe liqela leHip-Hop, babedyusha kwiikhonsathi zasesikolweni, kwiminyhadala, amatheko, iiseshoni zeHip-Hop esitalatweni ukuze bazise iqela labo kwaye babonise ukuwuthanda lo mhlobo womculo.

UGxarha, neyayinguye kuphela umntwana onesimo se-albinism kokwabo naselalini, uthi uyisemkhulu wayembona njengentsikelelo.

Uthi ukucula yinto ebaleka kwigazi lakokwabo.

Ikhonsathi iza kube ingomhla we10 kweyeNkanga 2018 eVereeniging Town Hall eSedibeng.