Imvumi yakuCentane kwiTru Talent Search

Inenekazi lakuCentane kwilali yaseMsento, uSiphesihle Mfaxa (24) ocula iAfroPop, unethemba lokulandela ekhondweni likaFez Junior kukhuphiswano lomculo lwesi sikhululo sosasazo iTruFM.

UMfaxa ongumfundi kwiyunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa, uphakathi kweemvumi ezilishumi elinesithandathu ezikhuphisana kwicandelo lomculo kwiTru Talent Search.

Lo mfundi ukunyaka wesithathu kwizifundo zakhe zePublic Management, unephupha lokuba yimvumi egqibeleleyo kwaye iminqweno yakhe ingafezekiseka ukuba angaphumelela.

“Iphupha lam linye kukuphumelela iTru Talent Search ukuze ndizibone ndiyimvumi ephuhlileyo,” kutsho le nzwakazi yakuCentane ngaphambi kokuba ingenele kwiTru Talent Search kunyaka ophelileyo, wancokola noFez Junior waseMsobomvu eGcuwa owaphumelela olu khuphiswano ngo2015.

“UFez Junior wathi kufuneka ndizimisele kwaye ndibonise uluntu isiphiwo endinaso emculweni,” uqhube watsho.

UMfaxa ukhule ethanda iimvumi ezinjengouThandiswa noNtsiki bakwaMazwai, Amanda Black, CICI kunye noFez Junior omenza abenethemba lokuphumelela ukhuphiswano.

Le ntwazana icela uvotele ngokuthumela umyalezo othi “Music 11” kwinombolo ethi 32666 ukuze ifezekise iphupha layo.

Umyalezo ngamnye utyabula imali engange R1. Iivoti zivalwa ngalo Mgqibelo.