Indima enokudlalwa ziintsomi zesiXhosa kuphuhliso loluntu

Umbhali weentsomi kwakunye namabali amafutshane, uNompucuko Zakaza, wenze esi sibhalo siqulathe indlela ekunokuthi kwenziwe ngayo ukubuyisela ixabiso kunye nothando lwesiXhosa, kubafundi kunye nababhali ngokubanzi.

Uluvo lwakhe lelokuba iintsomi zinendima enkulu ezingathi ziyidlale ukubuyisa isidima sesiXhosa ebantwini.

UKUVUSELELA UMDLA KUPHANDO NGENDIMA ENOKUDLALWA ZIINTSOMI ZESIXHOSA

Singenza njani ke ukuvuselela umdla kuphando lweentsomi? Uphando olungenazenzo alunasiseko nakamva lililo. Xa uScheub (1969) wayeqokelela iintsomi zesiXhosa kumama uNongenile Zenani, wayebonakalisa ukuba nabani onomdla wokwenza uphando anganako. Iinjongo zolwakhe uphando yayizezelo xesha kwaye zazilungele iimfuno zakhe neenjongo zesifundo sakhe. Ingaba xa ufuna ukwenza uphando ngeentsomi uyakube uqhutywa yintoni? Ngumdla nje wokuphanda, ngumdla wokuzisebenzisa ubalisa, ngumdla wokuba ngumbhali, okanye umshicileli macwecwe eentsomi njalo-njalo.

Ukuvuseleleka kuxhomekeke kwinjongo yakho njengomphandi. Ndingatsho ukuba uphando luqhutywa luthando lwesihloko kunye neenjongo ezijoliswe ekusetyenzisweni kolwazi olo luphangaleleyo ubani aluqokeleleyo. Ndinengqiniseko yokuba nabo babandakanyekayo kuphando olo, babanegalelo ekuboniseni umphandi lowo ukuba sibaluleke kangakanani na isifundo eso seentsomi kubo okanye kumsebenzi abawenzayo. Injongo ephambili kaZakaza (2015) ibikukusebenzisa iintsomi ezithile ekunikeni umdla kwizifundo ezisetyenziswa ngabongikazi abafundisa abafazi abakhulelweyo kwiiklinikhi zamaphandle eMpumakoloni kunye nakumakhaya okulindela ukubeleka (Maternal Waiting Homes). Usebenze ngesihloko asithandayo nakholelwayo kuso, kwaye uphando lwakhe lubonakalise ukuba abongikazi noonomakhaya babone ukuba iintsomi zinegalelo elincomekayo nje ngenye indlela ephucukileyo nefikelelekayo yokwabelana ngezifundo zezempilo. (Zakaza 2015:151)

INDIMA ENOKUDLALWA NGABAFUNDI

Kulusizi ukubona amanani abafundi abanomdla wokufunda ngezinto zesiXhosa ecutheka umhla nezolo kumaziko ethu emfundo ephakamileyo. Ngaxesha nye kungumngeni kubafundi abakwiCandelo leeLwimi zesiNtu kwiiDyunivesithi, ukuba babhinqe omfutshane ukwenza indima ebonakalayo ekuvuseleleni uthando nomdla kwisiXhosa. Bangenza ntoni abafundi ukuyibonakalisa eyabo indima?

Kubalulekile ukuzalanisa izimvo namava asekuhlaleni nezifundo ezijoliswe kwizihloko zemveli. Ingxam yoncwadi lwemveli bubuntu nabantu. Xa ubani ekwazi ukusebenzisa iindlela zophando ezenza akwazi ukufikelela eluntwini, kungalula ukuba abantu bazibandakanye ngokukhululekileyo kuso nasiphi na isihloko esiqulethe amava emveli.

Akungencedi ukuba yingcungcu ephethe umnyazi nosiba, ithi ngcu kwisithuthi sayo iqokelela iinkcukacha zokuphuhlisa isifundo sayo. Ukuba abafundi banganesakhono sokuvala umsantsa phakathi kwabo noluntu, kungalula ukunxibelelana nokwabelana ngezimvo ezikhokelela kulwazi olunokusetyenziselwa ubungcali nophando olunokwakha isizwe sethu.

Ikwaluncedo nokuba abafundi baqalise ukubonakalisa ngezenzo ukuba bayinxalenye yamaqumrhu alwela ukuphuhliswa kwezinto-yinto zolwimi lwesiXhosa. Ingasinceda njani eyokufunda siyityekeze indima edlalwe nguSatyo, uMqhayi, uSoga, uMtuze, njalo-njalo kodwa sibe silufake phantsi komandlalo usiba okanye isakhono sokubalisa nokubonga?

Ingaba ulutsha noluntu luphela luya kubufumana kubani ubuncwane nokuvuseleleka ngeentsomi xa sisanela nje kukufunda ngazo nzulu ukuze sifumane amanqaku sibe singakwazi nokubalisa intsomi yembotyi nelahle?

Ubomi bethu busekelezelwe emabalini. Kuziziganeko ngeziganeko kwiimpilo zethu yonke imihla. Asingekhangeli iintsomi ezisondelelene nezi zinto zidla umzi, kwanezo zinobuzaza ukuthetha ngazo poqo, ukuze sibuyele embo ngesakhono sokuhlala kwiindawo zoluntu, singqongwe ngabafazi, abantwana ulutsha nooyise sisabelana ngembadu?