‘Indlela Yokukhetha iPolisi yokuNgcwaba’

Kubantu abaninzi baseMzantsi Afrika, ukukhetha ipolisi yokungcwaba ngamava abo okuqala ngokunxulumene neemveliso zeinshorensi.

“Ukuba namava ancomekayo ngeepolisi zokungcwaba kungakhuthaza ukuthembakala koshishino lweinshorensi kubathengi,” utsho uSunja Visser, iCEO yeAfrican Unity Life, inkampani yeinshorensi ebhalisiweyo engummeli kwiipolisi zomngcwabo ezinkulu nezaziwayo ongakhetha kuzo.

“Kunokuba yingozi xa umninipolisi enokufumanisa kwinqanaba elithile ukuba akukho nkxaso ngokwezemali okanye iziko lokuhlawula amabango kubaxhamli balowo obethathe i-inshorensi.”

Ukuthatha ipolisi yokungcwaba linyathelo lokuqala abalithathayo abantu ukuqinisekisa ukuba bona kunye neentsapho zabo baya kukwazi ukuba nomngcwabo onesidima.

“Ukukhetha ipolisi yokungcwaba eyiyo kungangumcelimngeni nanjengoko zininzi ezo ongakhetha kuzo kwakunye neenkampani ezinikezela ngazo – kwaye asizizo zonke ezinokuthenjwa,” utshilo. “Kubalulekile ukuba abathengi baqiniseke ukuba ipolisi abayithengayo, ingaphantsi komnikezeli obhalisiweyo futhi onokuthenjwa.”

Xa ukhetha ipolisi, abathengi kufuneka baqwalasele ngenyameko iimfuno zeentsapho zabo.

Ipolisi ekhethiweyo kufuneka ibe neenzuzo ezahlukeneyo ezifanelekileyo nezidingekayo, njengebhokisi yokungcwaba efanelekileyo, iinkonzo zothutho ezilungiselelwe usapho kunye nezihlobo ukuya emngcwabeni, inzuzo yegrosari (ukuxhasa usapho ixesha elifutshane), i-airtime yokuqhagamshelana nezizalwana kunye nezihlobo. Kwezinye iimeko – imali yokufunda yabantwana bomntu oswelekileyo nonguyena obebaxhasa. Iinzuzo ziya kwahluka ngokwepolisi yokungcwaba kwakunye neqondo lokhuseleko elikhethiweyo.

“Kubalulekile uqaphele ukuba akukho zimvavanyo zonyango zikhoyo na xa uthabatha ipolisi yokungcwaba,” utsho uVisser. “Nangona kunjalo, amaxesha amaninzi kubakho ixesha lokulinda; ngokuqhelekileyo elimalunga neenyanga ezintandathu.”

Kubaluleke kakhulu ukuqinisekisa ukuba umntu othengisa ipolisi unayo ilayisenisi evela kwiFSB (okanye usebenza kunye neFSP), nekumele ukuba ivezwe xa kuthe kwacelwa. Kananjalo, amaxesha amaninzi iipolisi zokungcwaba zilawulwa kwaye zithengiswa ngabalawuli bokungcwaba abamele abanye; ngoko ke kubalulekile ukwazi ukuba yeyiphi inkampani yeinshorensi enoxanduva lokumela ubungozi.

I-African Unity Life icebisa ukuba uqwalasele olu luhlu lulandelayo xa uthatha ipolisi yokungcwaba:

Qinisekisa iinkcukacha zomntu ongummeli kunye nobudlelwane bakhe kunye nenkampani yeinshorensi. Abameli kufuneka banikwe igunya ziinkampani zeinshorensi ukuba bathengise iimveliso zazo.

Yigcwalise ngokwakho ifomu yokwenza isicelo sepolisi ngalo lonke ixesha.

Nika ulwazi olupheleleyo noluchanekileyo. Ukuba ngaba uyathandabuza, luchaze ulwazi.

Fundisisa nalo naluphi na uxwebhu ngaphambi kokulisayina ngalo lonke ixesha.

Uneentsuku ezingama30 zokuyirhoxisa ipolisi okanye wenze izilungiso – buza malunga nexesha lokukhe uyiqwalasele kuze kungabikho sohlwayo xa uyirhoxisa.

Qinisekisa ukuba isivumelwano sepolisi siyahambelana noko ukuqondayo ngayo.

Jonga imigaqo nemimiselo, iinzuzo, imirhumo oyihlawulayo kunye noko kungahlawulelwayo yipolisi.

Buza ukuba zeziphi iimpembelelo ezingakho zokuthatha ipolisi endaweni yenye.

Gcina ubungqina obubhaliweyo balo naluphi na unxibelelwano lwakho kunye nenkampani yeinshorensi nommeli wayo.

UVisser wongeza ngelithi xa ipolisi sele ikhona, zisekho izinto ezimbalwa ekufuneka uziqonde malunga nenkqubo yokufaka amabango:

Iinkampani ezininzi zeinshorensi ziya kuhlawula kwiiyure ezingama48 ukuba ngaba amaxwebhu afanelekileyo angenisiwe. Kuye kudingeke isatifiketi sokufa, ubungqina beenkcukacha zasebhankini kunye neefomu zebango ezifanelekileyo.

Khumbula, inkampani yeinshorensi ayikwazi ukukuxelela ngokwayo ukuba imali yebango imele isetyenziswe ukuhlawula ntoni na.

Akukho mali uyifumanayo xa uyirhoxisile ipolisi. Yimveliso yeinshorensi yobungozi obungakho nje kuphela, oko kuthetha ukuba umrhumo owuhlawulayo usetyenziselwa ukukhusela ubungozi xa unokusweleka. Xa uyirhoxisa nje ipolisi okanye iphelelwa (ukuba ngaba ayihlawulwanga imirhumo) uya kuphulukana nokhuseleko kwaye akukho bango liya kuhlawulwa.

Cela ingcaciso ebhalwe phantsi ngokunxulumene nokuphikiswa okanye ukungahlawulwa kwamabango.

Inkampani yeinshorensi kufuneka ngalo lonke ixesha imazise umninipolisi xa ipolisi irhoxisiwe.

MALUNGA: I-African Unity Life Limited isebenza kushishino ngeeinshorensi zexesha elide eMzantsi Afrika yaye ineqela elikhethiweyo labaphathi beeasethi, abalawuli kunye nabathengisi abakhethekileyo abathengisa iimveliso zayo.

Ngoko ke ikakhulu singumthengisi weemveliso ezinxulumene nobungozi. Abanikazi beepolisi zethu zobungozi ikakhulu ziintsapho ezinemivuzo esezantsi ukuya kwephakathi nezidinga iimveliso ezikhethekayo ngokwexabiso ngokuhambisana nemivuzo yabo.

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, yiya ku: http://www.africanunity.co.za/index_aui.html