Ingaba iANC iza notshintsho?

Kule veki iphelileyo sibhalile ukuba iANC iza kuphumelela nakanjani kolu ulonyulo sisuka kulo. Akukho nto yothusayo ke apho.

Abadanileyo yile mibutho iphikisayo efana neEFF (nangona ikhulile), DA, UDM, COPE neATM. Mininzi ke neminye. Ukuba uvotile ndiqinisekile nawe uzibonele ubuninzi bale mibutho.

Umbuzo: ingaba uMzantsi Afrika uyayidinga yonke le mibutho ingaka? Bekungenokuba ngcono ukuba kungakho nje imibutho emibini kwiphepha lokuvota? Ingaze yenzeke lo nto kweli?

Xeshikweni sincokola nabantu abe befolele ukuvota izwi belilinye, “sifuna utshintsho!” Lo nto inokuba ilahlekise eminye imibutho yaze yacinga ukuba inokuba utshintsho iyakuba kukulahla iANC.

Kanti akunjalo; abantu basalindele utshintsho kwakule ANC inye. Nokuba abathile kwiANC bangayiphika kangakanani, kodwa okusalayo ubukho bukaMongameli Cyril Ramaphosa buncedile.

Bonyuse amathemba. Phambi kolonyulo ibibethwa nyani iANC zezi komishini ngeekomishini ziqhubayo; bekuvela amanyundululu ezi zirhovu zisiphetheyo.

Ingaba ke zingaze zitshintshe? Umntu omdala uyakwazi ukutshintshwa? Asazi nathi. Kodwa ingathi uninzi lwabo bavotele iANC babeke ithemba labo kutshintsho. Nalapha eMpuma Koloni silindele inkulumbuso entsha. Into ithi iza kuba nguOscar Mabuyane.

UMabuyane ke ngumntu apha othetha le nto ufuna ukuyiva; ucofa onke la maqhosha afanelekileyo xa ethetha ngezoqoqosho lweMpuma Koloni nokuqesha abantu abatsha kurhulumente wephondo.

Ulutsha lubalekela koomaRhawuti nooKapa, bekhangela amadlelo aluhlaza, beshiya iphondo eli leengqangangqwili zoMzantsi Afrika.

Ingaba uMabuyane angayinqanda lo nto? Abantu bakhalela izindlu, abantu bakhalela amanzi, bakhalela umbane, bakhalela iindlela ezimbi, ininzi nje into.

Sakukhe sibone ukuba uMabuyane uza kuqala ngeyiphi. Kodwa kuyo yonke lo nto ngas’ke iminqweno yesininzi seli ifezekiswe. Noko lide eli xesha; ubomi obubhetele mabude bufikeleleke.