Ingcibi engazange yabhujelwa ngumkhwetha

Ngamashumi amathathu anesibhozo iminyaka uFezekile Liwani Cekiso esalusa amakhwenkwe aphuma kwindawo ezahlukeneyo zeMpuma Koloni noMzantsi Afrika, kwaye akanaso nesinye isidumbu.

Le ngcibi izinze kwilali yaseLower Nomaheya eNgqamakhwe kwaye ithi ayoyiki ukuthetha ngomsebenzi wayo kuba yawuphiwa ngamawayo.

“Ingcibi yokwenene ayizityumbi ngokwayo, ayityunjwa entlanganisweni kodwa ithunywa ngamawayo ukuba yaluse abantwana ukuze isizwe esi sibenehlumelo eliqhubeka livelisa,” ucacise watsho uCekiso.

Ukusukela ngonyaka ka1978, uCekiso sele aluse inani lamakhwenkwe angakwaziyo ukulibala ngenxa yobuninzi, kodwa ukhumbula iziganeko ezithile ngalo msebenzi ukusukela ngalo nyaka.

“NgoDisemba ngonyaka ka1982 ndolusa amakhwenkwe angamashumi amahlanu anesibini, ukusukela ngoko leenyuka inani labantwana abaluswa kweli khaya ebusika nasehlotyeni,” utsho uCekiso.

Ukusukela oko wathi wathatha umkhonto kuyise uMawunteni Cekiso, lo kaCekiso akukho namnye umkhwetha owakhe wabhubha ephethwe zizandla zakhe.

“Andiyazi mna nalento ibulala abakhwetha kuba umkhwetha ngumsebenzi wengcibi, umzali kunye nekhankatha. Mna ke awam amakhwenkwe ndiwakhankathela kwangokwam apha kuba andifuni mpazamo,” uthethe watsho uCekiso.

Ukuqala kwakhe lo msebenzi ebengumphangeli obefika ngamaxesha athile enyakeni ancedise uyise ukuphungula umthwalo wakhe.

“Utata ebeba nomsebenzi omninzi aze andinike uxanduva lokuba ndaluse apha elalini, logama yena esiya kwalusa kwiindawo ezingaphandle apha elalini, ngolohlobo umsebenzi wakhe ubungabi mkhulu,” utshilo.

Uthi ingxaki ngoku abantu abathandi ukwalusa ebusika, kodwa lonto ayimsokolisi nganto kumsebenzi wakhe wokwenza amadoda.

“Ndithanda ukusebenza apha ebusika kodwa ke nangoDisemba andibagxothi xa bezile ndiyabanceda, kodwa ukuba ibindim olawula izinto bendizakuthi makwalukwe ebusika kuphela,” uthethe watsho.

UCekiso uthi walusa amakhwenkwe akumashumi asixhenxe ukuya kumashumi alithoba ngexesha lasebusika, kodwa ngoDisemba uxakana nabo abantu.

“NgoDisemba abalukela apha ekhaya babalikhulu namashumi amabini, endibasebenzela emakhayeni abo bayaya kumakhulu amathathu namakhulu amane,” uthethe watsho.

Xa esalusa inkwenkwe nganye ubiza amakhulu amabini namashumi amahlanu erandi (R250), kodwa xa inkwenkwe izakuhlala kwakhe ubiza amakhulu amahlanu eerandi (R500).

Uninzi kweli phondo lukholelwa ukuba ukubhubha kwabakhwetha kungenelwe zizinto ezininzi eziquka imimoya emdaka engunobangela wokufa kwabakhwetha.

“Asiyonyani le yokuba kukho imimoya emdaka engenelela kweli siko, ingxaki yeli siko ngabantu abajonge ukutyeba ngalo besenzakalisa abantwana babantu, besenza umsebenzi abangawukhathalelanga bengathunywa nokuthunywa,” uthethe watsho uCekiso.

UCekiso uthi urhulumente makenze icebo elingxamisekileyo ukuphelisa ukubhubha kwabantwana eSuthwini kwindawo eziquka elama Mpondo.

“Masibizwe sonke sizingcibi ezinamava eziwaziyo lo msebenzi siye kwezandawo zinengxaki, sihambe namakhankatha esiwaziyo apha, sikhangele ke ukuba ingakhona ingxaki, yonke lonto ikhokelwe ngurhulumente,” ucacise watsho uCekiso.

Eli gqala liphumela ngaphandle kwedolophu yaseNgqamakhwe lisenza amadoda nakwezinye izizwe.

“Ngomnye unyaka apha ndifikelwe ngamakhwenkwe asixhenxe asuka eZeerust eMntla Ntshona eze kucela ukuba ndiwancede, ayikho lento niyithethayo yokuba iMpuma Koloni inengxaki, zindawana ezincinci ezi zinale ngxaki, sibizeni madoda sizonibonisa thina,” uthethe oko.

Uthi sele evela kwalusa emaMpondweni eLusikisiki, Ngqeleni, Mbizana nakwezinye iindawo zephondo.