Ingoma kaNavada imemelela ukuthembana kwizithandani

Imvumi yeKwaito uNavada amacwecwe neembasa zakhe umfanekiso: bheki radebe

EMVA kokuphakamisa igama lakhe ngengoma ethi Africa Unite kumculo weKwaito, uNavada uphinde wabuya nengoma entsha kwakhona.

Ingoma yakhe ethi ‘Umincil’ uBaby’ sele ifumaneka kumaqonga omnatha athengisa iingoma.

Le ngoma ibalisa ibali leqabane elinovalo kuba libona uqhogwano phakathi kwesithandwa salo nalowo esisebenza naye.

“Sukoyika kuba ubona ndisebenza nomnye umntu kuba ungazi okuqhubeka phakathi kwethu,” kucacisa uNavada ngale ngoma, esithi abathandanayo badinga ukuthembana naphantsi kweyiphi na imeko.

UNavada, ogama lakhe lokwenene linguSiyabulela Joni, ongumyeni notata, waqala ukucula kwiminyaka engaphaya kweshumi eyadlulayo.

Wangena kwezomculo ngokuqala ngokuqeqesha abantwana abaselula ngomdaniso.

Ubalisa athi kwaphambi koko ifuthe besele livakala. “Ndandiye ndikhalise umculo ndiphinde ndiwujayivele,” esitsho ngoncumo.

Uthi amathuba waqala ukuwafumana phantsi kwesandla esiluqilima segqala lezolonwabo eMpuma Koloni uKoko “K.K” Godlo.

Icwecwe lakhe elithi ‘Africa Unite’ elaliphethe umyalezo ohlanganisa ama-Afrika ngexesha lezixholoxholo zeXenophobia ka2008, lamphathela imbasa yeBest Dance Song kwiKumkani FM Music Awards neyalandelwa yiBest Kwaito Song kwiiECMA ngo2015.

Ezinye iingoma eyaziwa ngazo le mvumi yakuQoboqobo ziquka Incindi, Esontweni, Ebumnandini, Lobola, Bulisa, Wintersummer, nezinye.

Usebenze neemvumi ezifana noSuper, Mavie M, Cee * Gee, DJ Mnce noCrazy Tulz ukubalula kwabambalwa.

Kule ngoma ethi ‘Umincil’ uBaby’ usebenze nemvumikazi uZoe Daka.

UNavada ucela inkxaso ukuze abenako ukushicilela ividiyo yale ngoma.

Ungancokola naye kwikhasi likaFacebook elithi: Iphupha Productions.

simphiwe.freddie@inl.co.za