Ingw`emnyama igqwesile!

Kutsha nje, ndibe nethamsanqa lokuya kubukela umboniso owaziwa lihlabathi lonke ngokubanzi njengoBlack Panther, nendimguqulela ngokulula njengoNgw`emnyama!

Kaloku olu hlobo lwesilwanyana lolo lumile ngokufanayo nengwe, umahluko ngowokuba lona olu hlobo lwengwe lumnyama, kwaye lufumaneka kumahlathikazi aseMelika.

Ezimbalini bendiqala ukuya kubukela umboniso ndinganeli, koko ndizive ndinesikrokro. Esi sikrokro ke asibangelwanga kukungakholwa, koko sibangelwe kukuxoliswa kwam kuko konke obekuqhubeka kulo mboniso, kangangokuba ndithe ndiphuma nje emnyango waloo Cinema, ndaphindela kwidesika ethengisa amatikiti, ndathenga elinye ukuze ndiphinde ndibukele kwale filimu inye, kwixesha elilandela kwaeli bendibukele ngalo.

Ndithe xa ndibiza igama lalo mboniso, umthengisi wamatikiti wafinga iintshiya, esithi “tata ikhadi lakho libonisa ukuba ugqiba kuyibukela ngoku nje le filimu?”

Ndivumile, ndaleka ngelithi, ngangendlela endiyithande ngayo le filimu, andanelanga, ndinomdla wokuphinda ndiyibone kwakhona, kangangokuba ndingade ndiyibukele nakathathu ngosuku olunye!

Uhlekile umf`omkhulu wakugqiba wandithengisela elinye, nto nje kweli ityeli akathanga uyonwabele ifilimu tata, usuke wathi: “lopha ngokuphindwa tata!”

Ndivumele ke mlesi wasekhaya ndichankcathe ndidandalazise oko ndikufumanise kundinika umdla kulo mboniso, nokundibangele ndiwuthande kwaye ndiwuxabise.

Masikhumbule ke mawethu ukuba le nyanga sikuyo yile kubhiyozelwa ngayo ubungangamsha nobuhle bezwekazi lethu iAfrika.

Lo mboniso undibonise izinto ezintle kakhulu ngezwekazi lethu, wandibuyisela embo, wandinika nethemba lokuba eyona mixholo yoncwadi olubhaliweyo, kuquka nemixholo yemiboniso kwiiCinema nakoomabonakude, yileyo iza kuba nengqiqo yobuAfrika.

Oku ke mawethu kuhambelana ngqo neembono zikabawo uNgugi Wa Thiong’o noNjingalwazi kwiziFundo zeAfrika uAli Mazrui. Bobabini aba vulindlela beAfrika ngabanye babantu abasikhuthazileyo ekubhaleni imisebenzi yophandongqangi ngeelwimi zesintu. Bobabini babekugxininisa kakhulu ukusetyenziswa kweelwimi zesintu ekubhaleni, ekuthetheni nasekuvelisweni kwemiboniso bhanya-bhanya.

Ndiqinisekile ukuba bachulumancile apho bakhoyo xa bephawula ukuba kukho umboniso ofana neNgw`emnyama oveliswe ngumntu ontsundu waseMelika, uRyan Coogler, waze wakugqiba, wanabadlali abaphambili abantsundu kuphela.

Kaloku mzi ontsundu sazi sonke ukuba iifilimu ezifana nale, zonke zinabadlali abaphambili abamhlophe kuphela.

Ngumboniso wokuqala lo ungamaqhawe esizwe okanye ungamaqhawe anikwe amandla okulwela okuhle entlalweni, okhokelwa ngabadlali abaphambili abantsundu.

Kaloku sikhula ooSpiderman; Batman; Superman; Hulk; Fantastic Four, yonke loo midlalo ikhokelwa ngabadlali basemzini. Ngumboniso wokuqala lo okhokelwa ngamathole namathokazi omgquba afana nooCharles Boseman nonikwe igama lesiXhosa elinguTitshala (nokuba ke lipelwe ngokohlobo lwasemzini); umkhosi walo mdlalo ukhokelwe liqobokazana laseZimbabwe uDanai Gurira, encediswa yinzwakazi yaseKenya uLupita Nyongo`o. Noku ke kundivuyisile kuba kwimbali yethu, indima ephambili yamanina kwimikhosi siyayazi.

Okunye okundichukumisileyo kukubona ikumkanikazi yelo lizwe lalo mboniso nelibizwa ngeWakanda, ithweliswe umnqwazi wamanina angamaZulu, ukuze nenye yeenkokheli zezizwana ezimelene nale Wakanda iqhubeka kuyo le filimu, yambathiswa ingubo yesiSotho iSeanamarena.

Xa ndinigodusa ke ngoku mawethu, niya kuthi nisabukele umboniso okwinqanaba eliphezulu njengalo, mboniso lowo ukhuphisana nemiboniso ebalaseleyo kwihlabathi jikelele ngobugcisa obusetyenzisiweyo, kuthi qham gqi ubawo uJohn Kani nonyana wakhe uAthandwa Kani.

Kudliwanondlebe oluphambi kokuvezwa kwale filimu, ubawo uKani uthethe wenjenje: “ndithe xa ndiyalelwa ngumlawuli wefilimu ukuba ndincokole nonyana wam, wandinika imigca ebhalwe ngesiNgesi, ndabuza ukuba kutheni ndiza kuthi ndakugqiba ukuba ngumXhosa nonyana wam engumXhosa, kufuneke sincokole ngolunye ulwimi?” Ngoko nangoko, umlawuli ongaliyo xa eboniswa ngento entle, wavuma ukuba kwiindawo ezithile kulo mboniso, kusetyenziswe isiXhosa, isiNdebele kwanesiSwahili.

Lo mboniso ubonisa ubungangamsha bobugcisa noqoqosho lwaseAfrika phambi kokufika kwamaKoloniyali. Lo mboniso usebenzisa iinzwana neenzwakazi ezintsundu njengebadlali abaphambili.

Lo mboniso ukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi zesintu ukuze nazo zikhule, kuveliswe neefilimu ezikumgangatho wehlabathi ngazo.

Lo mboniso undiqinisekisile ukuba ukusukela namhlanje, abam abantwana abasayi kubuka kwaye bazifanise nooSuperman; Spiderman nooBatman basemzini, koko baza kutsho balinganise kwaye bazifanise neqhawe elisondele kubomi babo njengabantwana abantsundu, uBlack Panther – Ingw`emnyama! Nanku umngeni mawethu, makuveliswe imiboniso ngooMhlontlo; ooMaqoma; ooNgqika; ooSarhili ikumkani zethu, nangamanye amaqhawe amaninzi esizwe sakowethu! Vuka Afrika ungekashiywa lixesha!