Ingxaki ilapha ebafaneni kulwaluko

Kuyadanisa ukufumanisa ukuba kusekho abantu abangothukiyo xa kuvela izinto ezingaqhelekanga esuthwini. Unyaka nonyaka kungcwatywa abakhwetha ngenxa yezizathu ezahlukeneyo – kodwa kusekho abantu abathi ezo zinto makungathethwa ngazo.

Njengesiqhelo, iMpuma Koloni seyinalo inani labakhwetha ababhubhileyo – nangona kunjalo, kusekho ulutsha oluthi makubengathi akwenzekanga kwanto.

Kuphinde kubekho abangayaziyo indima yamaphephandaba kwimiba echaphazela uluntu. Kwiveki ephelileyo sipapashe ibali labakhwetha elithi: Zibhatalwa ngeeMemory Card iingcibi eNyandeni. Abantu bathe ayikho lo nto kuFacebook, bambi basityhola ngokungalixabisi isiko labo.

Akukho nyaniso kwelo bango labo! Abakhwetha bangena ezibhedlele yonke imihla lingekho I’solezwe. Indima yethu singayifanisa nesipili ekuhlaleni. Sichaza izinto ezenzekayo okanye indlela abantu abaphila ngayo.

Alikho iphephandaba elihlonipha izithethe namasiko ukogqitha thina. Into eboyisayo abantu kukuzila ngoba babona ububi ekunzima ukujamelana nabo. Zange sashukuxa isiko esidlangalaleni; sibhentsisa inkohlakalo eyenziwa ebantwaneni qha – leyo into soze siyiyeke ade amaXhosa akwazi ukuliqoqosha isiko lawo njengakwezinye iindawo.

Ulwaluko lubanzi; lufaka phakathi indlela elenziwa ngayo isiko – le iyimfihlo. Wonke umntu unendima ayidlalayo: uMama noTata. Kodwa xa kusiyiwa phaya esikweni, yindawo yamadoda odwa. Siyayihlonipha lo nto. Makungasithelwa ngeemfihlo nalapho kungafunekiyo. Amadoda ayoyiswa kukukhusela isiko.

Lixesha lokuzibhenca ke eli aphinde aziqoqoshe. Akuzungathethwa ngezinto ezibulala abakhwetha kuba kuhlonitshwa imfihlo ephelela esibhedlele. Kufa abantu unyaka nonyaka – kutheni?

Abafana mabangafundeli ebantwaneni babantu ukwalusa, mabangenzi amaBhoma/Bhuma iindawo zentselo nezeziyobisi. Yindawo ehloniphekileyo leya, ekwakhiwa kuyo amadoda azakwakha amakhaya nesizwe ngokubanzi, hayi indawo yokubulala abantwana. Izaphuli-mthetho mazigityiselwe entolongweni.