Ingxaki zesijolo

Ingxaki: Molweni, ndicela ukubuza, xa umyeni wam efuna sabelane ngesondo ngelixa ndineenyanga ezisithoba ndikhulelwe. Ayenzi ngxaki lo nto emntwaneni?

Impendulo

Molo Sisi, ukuba wena awunangxaki kwaye awuvi buhlungu ayikho ingxaki. Yeyona nto incedayo ukwabelana ngesondo ukhulelwe ukulungiselela umntwana aphume lula kungabikho zingxaki ezininzi xa ubeleka. Enkosi!

Ingxaki: Molweni Solezwe, Mna ndinengxaki notata womntwana wam, akafuni kondla umntwana. Uneminyaka emithandathu kulo nyaka, zange wamthengela nantoni na. Ndiyafunisa ngaye kuba akaziwa apho ahlala khona, nam andimazi. Ukweli limiweyo lizwe.

Impendulo

Molo Sisi, uninzi luyakhala ngalo mba wokungondlelwa abantwana. Xa ungamazi ukuba uphi kunganzima nokuba uye kwabomthetho okanye uyomkhalazela emsebenzini wakhe.

Ndicebisa ke mna sisi okwangoku usazama ukumfumana ukhabe usenza okusemandleni akho ukumondla wedwa umntwana, kwaye ungazisoli nakanye ngoba ngowakho kwaye uyamthanda.

Zama ukumxolela ubhuti lo, ukwenzela naxa unokumfumana ungenzi izinto phezu komsindo. Kwaye ndibona engafuni nokufumaneka ngokuba uyazazi unomntwana. Qhubeka ngokuthanda umntwana wakho qha wena. Enkosi!

Ingxaki: Molweni bafundi beSolezwe, ndicela ukucetyiswa. Ndinengxaki, ndinentokazi ndandincuma nayo, ndinomntwana kuyo, kodwa ingxaki akafuni ndimbone umntwana kodwa ufuna imali kum. Ndithi kemna andikwazi ukondla umntwana endingamaziyo. Intombi ngeyaseQonce, ndibe mna ndingowaseMthatha. Sasidibene ngo2014 kodwa sohlukana, kodwa siyafowunelana kuba endifuna imali.

Impendulo

Molo bhuti, uxolo ngokubonakala ungumntu owaziwa xa kufunwa imali. Ndicela uye kwabomthetho malunga nalo mba bhuti ngokuba ungaphaya kwamandla akho, kodwa ke umntwana ingowakho nje kunyanzelekile umondle ngokuba ukubuyisa ububi ngobubi akumncedi nganto umntwana wenu. Zama ngandlela zonke ukuba yinxalenye yobomi bomntwana, ukhumbule unawo amalungelo njengotata womntwana. Enkosi.

Ingxaki: Molweni, mna ndingumntu otshatileyo, ingxaki yam umyeni wam akafuni ndiphangele uthi uzakundixhasa. Sinabantwana ababini, unemoto kwaye siyarenta. Akakwazi kuzenza zonke ezozinto. Ndiyafuna ukuphangela, akafuni nokuba ndenze ii-grades zobunogada. Ekhaya kuthiwa mandizenze ukuze ndiphangele, qha ingxaki nguye. Sisi khawundincede. Ndithini?

Impendulo

Molo sisi, andazi nokuba wayeyichazile na le nto yokungafuni kwakho uphangele phambi kokuba nitshate. Ngokuba ngowawuye waveza izimvo zakho ngoko. Mbuze sisi isizathu esibangela angafuni uphangele, umcele anyaniseke kwimpendulo yakhe.

Uzame ukumbonisa ukuba ukungafuni kwakhe uphangele, kuluchaphazela njani usapho lwenu nanjengokuba engakwazi ukuzenza zonke iimfuno zekhaya.

Kwaye unxunguphalo ngamanye amaxesha lwenziwa zingxaki zemali, umzekelo, njengokuba enemoto xa inokuthi idinge imali ekhawulezileyo kuzofuneka acuntsule kule yekhaya, kanti ukuba uyakuvumela uphangele ningancedisana, lo nto ibangele kungabikho nezangxabano zingena msebenzi endlwini.

Umchazele ukuba xa kunokwenza anishiye asweleke lonto iyakubangela kufuneke uqale phantsi wena ube ungazange uphangele uqesheke nzima kwaye uphangela kwakho kuzonceda ngokuba nikwazi ukuthenga umzi ozoba likhaya nelifa labantwana benu.

Ndicebisa ukuba okwangoku ujonge uba yintoni na onokuyenza apho endlini ezongenisa imali mhlawumbi uthengise iilekese nezinto zabantwana ukwenzela noba uyavuma umyeni wakho usebenze ibekhona imali ngelixesha ungekawufumani umsebenzi. Enkosi

Ingxaki: Ndinengxaki, ndicela ukubuza xa umfazi kabhuti engasixeleli xa egula ubhuti wethu njengokuba ehlala naye, ingaba uyamthanda na?

Thina sahamba ngoba wagxotha abantwana bethu, akasifuni ngoku, badala abantwana bafuna ukugoduka kaloku phaya kusekhayeni lam. Yintlungu lena. Ndithini? Ndincedeni!

Impendulo

Molo sisi, andizokwazi ukuphendula ukuba uyamthanda na okanye hayi. Ingxaki isekubeni akukazokulunga nto ngendlela aziphethe naniphethe ngayo umakoti xa ubhuti wenu engayiboni lo nto okanye abe engenamandla okuyilungisa ngoba ifanele yena ayilungise.

Celani abantu abadala bekhaya bazame ukuthetha naye kusombululeke le ngxaki, mhlawumbi umakoti angazibeka izizathu ezibangela enze ngolu hlobo. Enkosi.

Ingxaki: Ndiyindoda enama-46 ubudala, unkosikazi unama-27 yena. Ngoku xa sisenza isondo ndizifumana ndinabo ubuyekeyeke bokungamonelisi tuuu kwezesondo, nokhawuleza ndichame esanqwena nam ndisanqwena futhi. Zithini iingcebiso zokuzifumana ndiyindoda eqotho kumfazi wam?…NdinguMphenduleni, kuyonakala!

Impendulo

Molo bhuti, ukuba akukho nto ikuphazamisayo exakekisa ingqondo yakho ngenxa yokucinga. Ndicebisa ukuba undwendwele ikliniki enceda amadoda akule ngxaki yakho. Uzame nokufumana nezinye iindlela zokuncedakala. Enkosi!

Ingxaki: Ndinengxaki neqabane lam, ndaqala ukuthandana nobhuti ngonyaka ka2016, safumana umntwana ngo-2012, kodwa akathethi ngomtshato tu, uyakrexeza kodwa zange ndimbone, ndibona nje efowunini.

Impendulo

Molo sisi, ndithanda eligama lithi ‘boyfriend’ lichaza ukuba akukho nto ibophelele omnye komnye njengomtshato .

Ubhuti lo andazi nokuba ngokwezemali unako na ukutshata, kodwa ngetshilo ukuba uyanqwenela qha akanamali. Ubhuti ndimbona engenanjongo zokwenza unkosikazi wakhe ngokuba ujongene namantombi ngaphandle.

Mbuze sisi ukuba iinjongo zakhe ngawe nomntwana wenu zithini, kwaye impendulo yakhe uyimamelisisise ngokuba angathetha into abe efuna nje ulalise uboya uzilibazise.

Kwawena cinga ukuba kanye ufuna ntoni ebomini bakho, unqwenela ukutshatwa ngumntu ojonge abanye phandle okanye ufuna indoda ezakukhathalela ikuchazele ukuba ifuna ntoni.

Ubhuti lo yena usagcwele ukudlala kodwa ke nanjengokuba usithi ubona emnxebeni zama ukungazixakekisi ngokuwujonga ngoba uzazikhathaza, mbuze nje uba ufuna ntoni ngani nawe uthathe isigqibo esifanele wena. Enkosi

Ingaba unengxaki kwintlalo okanye isijolo ongathanda sikucebise ngayo? Sithumelele umyalezo kuWhatsapp

wethu 063 734 1944