Ingxwaba-ngxwaba kwaMatanzima

Kaizer Daliwonga Matanzima

Ishushu ingxwaba-ngxwaba kwaMatanzima malunga nesikhumbuzo sikaNkosi uKaizer Daliwonga Matanzima ekumele ukuba siqhubeka namhlanje komkhulu eQamata.

Intombi engumafungwashe kaNkosi uDaliwonga Matanzima, uCamagwini Madikizela, uthi bubuvuvu bokungcoliswa kwegama likayise esi sikhumbuzo kwela komkhulu.

“Njengomntwana omdala kaDaliwonga ndinesigunyaziso senkundla esinyanzelisa ukuba ndingangeni phaya ekhaya, kukhunjulwa utata njani ngaphandle kwam nje ngomntwana wakhe, ndingonwabanga ngenxa yezenzo zaba bantu abaquka uNgangomhlaba,” uthethe watsho uMadikizela.

Ikomkhulu lakwaMatanzima likhokelwe nguNkosi uSiyambonga Dalimvula Matanzima, lithathe isigqibo sokukhumbula uDaliwonga nemisebenzi yakhe.

Ecacisa ngalo msebenzi, uNkosi uTemba Matanzima uthe benza oku kuba bakubona kufanelekile ukukhumbula eli xhaka likaMatanzima.

“Simkhumbula ngenxa yokuba ebeyinkokeli yekhaya,inkokeli yesizwe nethe yalishiya lihlonitshiwe igama lekhaya lakwaMatanzima,” utsho uMatanzima.

Ukanti uCamagwini Madikizela uthi kukho imfihlelo ezaziwa leli qela liququzelela esi sikhumbuzo.

“Injongo kaNgangomhlaba noDalimvula nabanye kukuchitha ikomkhulu lakwaMatanzima, banyanzela abantu ngoDalimvula bemenza iKumkani yabaThembu baseRhode ngenkani, engenalungelo lalo nto, sisikhumbuzo abebesigqibe nabani esi?” evutha ngumsindo utshilo uMadikizela.

Esi sikhumbuzo kumele ukuba sibe nomdyarho ozakusuka kwikomkhulu likaNkosi Mhlobo Matanzima lisiya kwikomkhulu likaNkosi uDaliwonga eQamata, itshilo ingxelo.

“Abakwazi kwenza isikhumbuzo egameni likatata, uDalimvula wayenikwe ikomkhulu lakhe eNcora kuba kwakufuneka aphume eQamata, ngunyana kaMthetho uMlindi onegunya kwela komkhulu, izitshixo zasekhaya zihlala kuDalimvula, asikwazi kungena ekhaya ngenxa yakhe noNgangomhlaba,” uthethe watsho uMadikizela.

Ephendula kwezi zityholo, uNkosi Ngangomhlaba Matanzima ukubeke kwacaca ukuba belikhaya lakwaMatanzima bazixoxa komkhulu iingxaki zela khaya

“Ndingathanda ukuyicacisa into yokuba asingobantu baxoxa izinto zethu emaphepheni ekhaya apha, nokuba ngubani wekhaya onengxaki sikhuthaza ukuba eze ekhayeni nokuba kukho isithintelo senkundla na,” uqale ngelo uMatanzima. Uthi aziyonyani iingxelo zokuba akazani nezigqibo zekhaya uCamagwini Madikizela.

“Intlanganiso eyayithatha isigqibo sokuba uDalimvula abe yiKumkani yethu zazikho zolishumi izindlu zakuthi, yena uCamagwini waphakamisa gama limbi echase ukuba uDalimvula angene kwesi sikhundla, akazange aphumelele ke kuba kwaphumelela igama likaDalimvula,” utsho uMatanzima.

Uhambisa athi kumcimbi wamalungiselelo okukhumbula uDaliwonga bathumela uDalimvula ukuba axelele bonke abantwana bakayise ngalo mbono.

Uthi bathumela ingwevu yeli khaya uNkosi Nyangilizwe Matanzima ukuba acenge uCamagwini.

“Akazange eze kwindibano awayebizelwe kuyo ngutatomncinci uNyangilizwe, sizama ukunqanda le nto yesi sithintelo senkundla,” utsho uMatanzima.