Inja ibonwe iphethe usana

Uluntu kwakunye namapolisa phambi kwesango ekubhaqwe kulo usana yinja egama linguSnoopy kwindawo yokulahla inkunkuma eBraelyn. Usana logqunywe ngekhadibhodi phantsi kwesango

Abahlali baseBraelyn, eMonti, bathi basoyika nangoku emva kokubona umbono ombi wenja iphethe usana olugqitywa kuzalwa.

Le nja, egama linguSnoopy obegqiba kuzala kwayena, kukholeleka ukuba iluvumbulule kwiiplastiki zokulahlwa kwenkunkuma olu sana.

I’solezwe lifike lalubona olu sana, apho sifike sele kukho amapolisa elindele imoto yomzi wogcino-zidumbu karhulumente(forensic) ebingekafiki emva kweyure itsalelwe ngabahlali.

Usana olu kubonakala ukuba lubelekwe phambi kwexesha nanjengoko luluncinci okwesandla somntu.

“Ibengumbono ombi kwaye ndisoyika sesisehlo kuba senzeke kumasango eyadi yam. Sibone ngoSnoopy oyinja yasebumelwaneni ephethe usana emva kokuba ethe wavumbulula iplasitiki ebikwindawo yokulahla inkunkuma kufuphi nakumatyotyombe aseDuncan Village,” utshilo umhlali waseBraelyn uNothemba Mazwi.

UMazwi uthi uve ngengxolo ngaphandle kosango lweyadi kanti kungethuba kubonwa le nja irhuqa usana ilushiya kumasango akwakhe. Uthi akubona lo mbono ubize abamelwane bakhe ukuba bazokubona esi sihelegu.

Olu sana belungenawo nomkrwelo emzimbeni kubonakala ukuba uSnoopy akakhange alulimaze koko ulisuse enkunkumeni walisa ebantwini. USisanda Daweti ongumnikazi wenja uthi nabo ibothusile kwaye usangcangcazela kukoyika yinto eyenziwe yinja yakowabo nangona esithi umbona njengeqhawe uSnoopy.

UDaweti uthi ngokolwazi lwakhe bekungekho mntu ukhulelweyo kwisitalato sakhe ngaphandle kokuba ebezifihla okhoyo.

Ngokwengxelo yabasebenzi abacoca kula lokishi, uSnoopy ubhaqe usana kwipasitiki yakwaShoprite kwaye isenaso nesiliphu negazi olubonakalyo ukuba luselutsha.

Nosana beluserhiphilili ligazi, kubonakala ukuba akukudalanga lubelekiwe. Amapolisa azithathile iinkcukacha, kwaye athi azakuqhuba nophando.

Unina wosana, xa enokufunyanwa, uzakubekwa ityala lokufihla umntwana. Sele ziliqela iziganeko zokulahlwa kwabantwana kweli phondo leMpuma Koloni abanye babhaqwa besaphila abanye sele bebhubhile phakathi kwale nyanga isanda kuphela nale sikuyo.

Kutshanje kwenzeke isehlo sokufunyanwa komntwana ebelekwe walahlwa eWSU, eGcuwa emva kokuba unogada wabona inja itsala umntwana kumgqomo wokulahla inkunkuma kule yunivesithi.

IINGCEBISO: kwizinto amantombazana anokuthi azenze ukubalekela izehlo ezilolu hlobo kuquka:

Ukumbeleka wakugqiba uyokumbeka kumakhaya agcina abantwana awaziwa ngokuba ziiNGO kunokumlahla;

Ungamcelela kwisihlobo uchaze ngemeko yakho ojonge nayo;okanye

Ungamsa koonontlalo-ntle

Ukanti ukunqanda ukukhulelwa, kubalulekile ukuba uthi xha ekwabelaneni ngesondo. Kungenjalo, usebenzise ikhondom.

Amaziko karhulumente ayazikhupha iipilisi okanye isitofu sokunqanda ukukhulelwa mahala.