Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu tata ndiphutshelwe ngumamomntana wam’ uthi uphuphe sihamba sobabini akayazi ukuba sisuka phi kodwa sihambe safika kwindlela eyahlukanayo ndafuna ukuhamba ngeyam indlela, akavuma, uthi sigqibo kohlulelana ngemali. Uthi ndahamba, naye wahamba, uthe xa ephuma kule ndawo ebesiya kuyo waphuma ebona bafana ababini besuka kweli cala nditshone kulo xa ethetha yedwa esithi yhooo Akona uhambe njani kwabafana kwaphendula ilizwi emva kwakhe le ndoda lisithi bammanzisile bamgwazile. Uthi wabuza ukuba abayithathanga imali wathi lo mntu ayingabo ootsotsi aba xa elandela umkhondo udibana nebhotile zigcwele itha akakwazi kudlula kodwa aqhubeke ahambe, xa ephinda ephosa amehlo kukho enye indlela eyahlukanayo ajonge ngasenxele abone ezi bhotile akhale othuke ephelelwa ngamandla egalelwa amanzi. Camagu tata’ndicela ucaciselwa eliphupha tata.

IMPENDULO: Kunomoya omdaka ozama ukunehlula okanye isichitho zamani ke ukuwulwa kusengethuba.

IPHUPHA: Xa uphupha uphuma amazinyo ithetha ukuthini lo nto?

IMPENDULO: Camagu. Yintwaso leyo. Uyagula wena.

IPHUPHA: Ndicel’ ubuza, kusube kusenzekani xa uphupha usiwa nemoto kodwa ke usinde ungenzakali?

IMPENDULO: Ziimeko ezingentlanga ezikugqongileyo ingakumbi abantu abazenza abahlobo kanti zincukuthu. Vula amehlo uhluze abantu ozihlanganisa nabo.

IPHUPHA: Camagu! Mna ndiphupha ndihleli nomama kube kukho umntwana omncinci endingathi iminyaka ingapha kwiinyanga ezintathu. Lo mntwana ngumntana womyeni wam wangaphandle. Umyeni wam ke yena ngokwazi kwam akanaye umntwana wangaphandle. Lo mntwana uvaswa ngumama ukugqiba kwakhe ukumvasa abe emteketisa emjula phezulu. Ingathi ndibe namasikizi yile nto ndimcele umama ayeke ukujula lomntwana phezulu kuba uzamonzakalisa. Angandihoyi umama asuke abdixelele ukuba nam wayedla ngokundenza ngolwahlobo kodwa ndiphele ndiba rite. Ndithule ndiqhubeke neminye imisebenzi, caba umana embetha kancinci apha ezimpundwini. Umntwana akakhali abize umakazi oyinesi amhlole umntwana umakazi afumanise ukuba akasekho. Ngoku asisalili apha caba eve isikhalo umama wontwana kuba ehlala kufutshane nathi angene endlini xa efika eve ezi ndaba onde kum ngezithi oko endixelela ukuba inoba ndiyavuya ngoku umtshato wam ungazuba nazingxaki. Inokuba lithetha ukuthini eli phupha?

IMPENDULO: Camagu. Ingathi ngowungcambazisa umyeni avele elubala kwimfihlelo leyo yakhe kuba kuyacaca ngokwephupha eli kuyacaca ukuba kukho nto angakuxeleli yona. Kubuye kuvakaliswe kwaliphupha ukuba inyewe leyo ingahlakunisa iintsapho zenu kubini yiyo lo nto kubalulekile ukuba lo mba uwuphathe ngobuchule. Lilapho ke iphupha lakho.

IPHUPHA: Ndiphupha umntu endazana naye esithi kum uba igazi belikho ngengabhubhanga qha likho. Lo mntu ke ndimphuphayo usweleke ngoLwesine lo udutyulwe ngabantu abangaziwayo. Ngoku xa evela watsho ndicel’ ucaciselwa uzam’ uthini? Okulandelayo ndiphupha ndisecaweni kukho inyama zemvana zixhelwe zininzi ndizandinxibe bumakoti. Uthi utata’m wecawe kukho amayeza alaph’ecal’kwalenyama ningawaphazamisi. Ingathi ndiyalisusa ecal’kwenyama xa ndithi kuvel’umama ondizalayo enxibe izinto zecawe phofu hayi zonke.

IMPENDULO: Iphupha lakho lokuqala libonisa ukubandakanyeka kwabantu abagazi linye nomfi, isihlobo njalo njalo kwiyelenqe lokumguzula. Elesibini liza kufuna wena ukuba wenza uphendlo ngecawe leyo uhamba kuyo kwanokuba ingaba yile ndawo ifunwa ngumphefumlo wakho okanye ingaba akukho sikhwasilima na kumawenu ngakwindawo leyo ukuyo.

IPHUPHA: Camagu! Kha undilawulele apha lithetha ukuthini iphupha umakazi wam uphuphe ndinxibe isinxibo sakwaNtu nomninawe wam siphethe umkhonto nebhekile ngathi sisingise enkundleni kweli phupha lakhe.

IMPENDULO: Ngumsebenzi kaloku lowo ofunwa kuni nilikhaya.

IPHUPHA: Molo tata ndiphuphe ingathi ndisesingcwabeni ingathi kusweleke umakhulu wam kunye nosisi wam ingathi ndiyakhala kakhulu.

IMPENDULO: Xa kukho iphupha elinje ingakumbi ngokubhekisele kwabo basaphilayo sukuba lizama ukutsala umdla wenu kwiimeko zokulungiswa kwekhaya ezifana nokuqiniswa kwekhaya nezinye, ze xa abo bengasekho ibe kanti bafuna ukwenzelwa umsebenzi.

IPHUPHA: Umtshana wam uphuphe ndidutyulwa; umyeni yena uphuphe abantu basekhaya beyothandaza kwam dingekho mna. Omnye umtshana uphuphe ingathi umyeni wam usemotweni ngaphakathi mna ndingaphandle ndoyika ungena emotweni ndoyika inyoka ezimbini ezimnyama zilapha ngasecangweni. Ndicela ucedo plz nindicacisele.

IMPENDULO: Zamani ukufuna uncedo lwesiNtu ukuze nizikhusele kwimimoya emdaka evuthuzayo kuba amaphupha la achaza njalo.

IPHUPHA: Camagu! Xa uphupha utamkhulu wakho owasweleka kudala, umphupha esithi uyagodola lithetha ukuthini elo phupha?

IMPENDULO: Utamkhulu lowo sukuba efuna wena umenzele umsebenzi wakhe. Umphilisi uyafumaneka kuFacebook (uMphilisi The Healer) okanye uthumele kuWhatsapp: 063 743 9538