Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela undilawulele eli phupha. Umntakwethu wasefemilini, kwelekelelana ookhokho bethu, ethi lo nto singabendlu enye, futhi kwindlu enkulu. Kowabo, ngowona mzi omkhulu wethu sonke siyifemeli. Lo mntakwethu uphupha kukho umsebenzi angawaziyo apha ekhaya, ngokutsho kwakhe, ubona abantu bonwabile abanye befotana nokufotana. Kodwa ngasebuhlanti kuthe nqwadalala amakhehla angawaziyo, ambethe iingcawe. Ingathi umzi ngamnye wasefemelini uzisa utywala (umqombothi) apha ekhaya. Kukho ixhego elimane livavanya umqombothi ngamye oziswayo apha. Izinto eziye zammangalisa kweli phupha enye, yeyokuba, lithe eli xhego xa livavanya obu tywala baze nabo, busuka kowabo, lakhalaza ukuba bubi mabujikiswe. Eyesibini, yinto yokuba noxa ebewabona amanye amadoda efemeli, kodwa khange ambone utata wam osaphilayo, uye wambuza apho ephupheni kwathiwa akabuyanga, nanjengomntu osasebenza eGoli. Iyandixaka ukuba akudalanga ndenze umsebenzi wokupha izinyanya, futhi ibhokhwe nenkomo, ezazixheliwe zakhala zingekahlatywa nokuhlatywa. Futhi zamemeza, nokude ukuba ave.

IMPENDULO: Camagu. Akukho nto imbi liyihlolayo iphupha ngaphandle nje kokwazisa wena okunye omele ukwenze. Apha esiXhoseni kuye kubekho ingakumbi kwiintsapho ezinkulu umsebenzi wokuqokelela zonke izihlwele zekhaya khona ukuze zakhe ukhuseleko oluqilima kuni nonke. Lo msebenzi ke wenziwa ngenkomo ebizwa ukuba yeyezilo. Iphupha eli lakho lisondele kanye kulo mcimbi kodwa ndiyacebisa ukuba ukhe uyingqinisise lo nto nakubanye abantu.

IPHUPHA: Ndicela inkcazelo yephupha lam. Ndiphuphe ndihleli nesoka lam nosisi wam kwindlu yomfana lo into engaqhelekanga, ngoba sihleli nje kufike umama womntwana wakhe omdala ephethe usana, amawele. Siwahoyile nosisi wam siwabuka kuvele yangathi ngawam kodwa elinye iwele ngathi ndiliqinisile kakhulu lase liphelelwa ngumoya, kodwa azange sikhale nokukhala sahoya eli liphilileyo, ithetha ukuthini nje yonke le nto? Ngaphambili bendikhe ndaphupha ndincancisa umntwana omncinci omhle. Ingaba mhlawumbi yonke le nto inokwenza nokuba ndifuna umntwana? Mhlawumbi idlala ngengqondo yam? Kwenzekile ukuba kanti nesoka lam liye laphupha, yena uphuphe ephakama ebhedini uba eyobetha amanzi kodwa emnyango wegumbi eli silele kuyo kwabe kume umama wonyana wakhe emkhuuulu futhi enxibe izinto ezimhlophe, izambatho ejonge kuthi ebhedini ebeke isandla sakhe ngakuthi, wakhala ke wothuka.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba wena nesoka lakho zininzi izinto ezinidodobalisayo nezingoyena nobangela wokuba ungafumani bantwana. Zonke ke ezo zinto zifuna ukulungiswa ngokwesintu. Yiphakameleni ke le nyewe.

IPHUPHA: Camagu! Ndicela uncedo ndihlalutyelwe eli phupha. Ndiphuphe ingathi ndiyatshata nomntwana osemncinci kum kakhulu. Ndingatshateli nasekhaya, nditshatela kumzi osecaleni kwasekhaya. Endothusayo sitshatela kwindawo apho amangcwaba wabo akhoyo.

IMPENDULO: Kukhona ungquzulwano phakathi kwabantu bakowenu abangasekhoyo ngakumbi kubazali, oku kusenokuba yilobola engazange ikhutshwe ngumzali wakho okanye indlela yokwenda engazange ihambe kakuhle, ngoku amathambo awaxolanga.

IPHUPHA: Ndiyacamagusha. Ndingumntu ohleli nje uyaphupha, ngamanye amaxesha ndivuke sendililibele iphupha. Ndingenza njani ukuze ndingawalibali amaphupho? Phezolo ndiye ndaphupha ngathi ndikwindawo engathi yiklasi yesikolo ndihleli nabanye abafundi. Kuthe kusenjalo yangathi kuvela udadobawo wam ephethe ukutya okuninzi neendidi ngeendidi zenyama, nam ke ndiye andathandabuza ndatya kuba nabanye besitya. Kwalapha kweli phupha linye, ndiye ndazibona ndisesporweni sikaloliwe, xa efika uloliwe andide ndikhwele kuwo. Kuthe kusenjalo ndazibona ndihamba etheni ndileqwa yinja emnyama indikhonkotha, ndothuke xa izokundiluma inja leyo. Camagu.

IMPENDULO: Iphupha lakho limayelana nezinto eziqondene nawe nqo, kuquka impilo yakho kunye nesiko ongazange ulenzelwe. Ukanti kwalapha kuwe kusenokuba nechaphaza lobizo lobugqirha, ukanti ukuze ufumane intsingiselo egcweleyo kufuneka ukhe uthathe iintonga uye kooSiyazi.

IPHUPHA: Ndikhule ndingumntu wamaphupha, ngamanye amaxesha oko ndikuphuphileyo kwenzeke. Iinto ezifana nokusweleka kwelungu losapho njalo njalo. Andihluphile ke amaphupha amaninzi kwaye amanye ndisawakhumbula kodwa ngaweminyaka eyadlulayo. Ndiphuphile ndithathwa ngabangasekhoyo bandisa ehlathini, bandihambisa ngaze bandigalela iinyoka ezininzi. Elo iphupha ndandisesePrimary ukuliphupha kwam. Ndaphupha ndileqwa yinyoka enye emnyama enkulu eneentloko ezimbini, ukuze indiyeke kwafuneka ndiphuze ezintloko, ibe ibonwa ndim ndedwa. Eli iphupha lelangonyaka wam wokugqibela eHigh School. Ndihlala ndiphupha ulwandle, ngathi ndiye ndingene phantsi kwamanzi kwigunjana elihleli abantu abadala kodwa andibazi bonke. Ndiphume kula manzi sendinxibe umbhaco wesiXhosa omnyama namhlophe, ndiqatywe mhlophe ndonke. Ndinxibe iintsimbi ezimhlophe.

IMPENDULO: Wena wonyuliwe ngabantu bakowenu ukuba ube sisanuse. Zama ke uyilandelele lo nto.

IPHUPHA: Tata ndingumntu ovuka nephupha mihla le kodwa ndingazi ukuba athetha ntoni, phezolo ndiphupha ingathi ndimhle ndinxibe ilokhwe yomtshato emhlophe endeee!

IMPENDULO: Elo phupha lichaza ukufa okuzayo.

IPHUPHA: Molweni Tata, ndicela ukubuza ukuba xa uphupha uthenga evenkileni iintsuku zilandelelana uvuka nephupho elinye kuchaza ntoni? Enkosi.

IMPENDULO: Kukhona umsebenzi ekufuneka uwenzile. Ukuze wazi uhlobo lomsebenzi lowo, qwalasela ezi zinto uzithengayo apha kwiphupha eli.

*www.mphilisi.co.za

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsApp: 063 743 9538