Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu tata, ndiphupha ndikumzi katata wokuqala engekohlukani nomama, ingathi ndibalekele khona kuba ndixabene nosisi wam omdala, xa ndibaleka ndibuyela kumzi kamama awakhe emva kokuba bohlukene notata, ndibona ilali igutyungelwe lulwandle, amanzi ekho naphakathi kwezindlu, ingathi kukho izitya ezinokutya kwamazimba kodwa azimki, ingathi wonk’umntu ubukele, mna ndimangalisiwe ndoyika lo mbono wamanzi, kodwa awemkisi mntu nto nje kubukelwe, nosisi wam lo bendimbaleka ukhona ubukele.

IMPENDULO: Camagu. Masiqale ekubeni wena ungumntu omhlophe okanye ekumele ukuba ligqirha kwaye eso sipho sisuka kwiintsapho zakho zombini, kwicala likamama nelikatata. Ngoko ke kufuneka nokuba wenzani ungayenzi impazamo yokuwacalula la makhaya khona ukuze uzokuphila.

IPHUPHA: Molo Mphilisi, ndicela ukubuza, ndiphupha kukho umama obuza ndifuna ndibe ngubani igama lomzi, ndimxelele, ndibone ngam sendinxibe amadakhi abrown, entloko ndabe ndingathwelanga.

IMPENDULO: Eli phupha alikho libi njengoko uninzi lunokucinga njalo kumaphupha angabatshakazi okanye oomakoti. Wena ubunxityiswa, apho ke ndixinga khona nebe kuza kuba luncedo yindawo apho yenzeka khona yonke le nto. Kodwa ke malingakuxhalabisi, ukuba lowo ukunxibisayo lilungu losapho, oko kungathetha okuhle, kodwa ukuba lutshaba okanye umntu ongamaziyo kungatsho okubi.

IPHUPHA: Camagu tata, mna ndimana ndiphupha ndisoluswa ndingumkhwetha ndisebhumeni, ndikotile mhlophe,noxa kudala ndoluka. Ingaba lifuna ndenzeni bawo eli phupha?

IMPENDULO: Camagu. Ukuphupha ungumkhwetha kutsho intwaso.

IPHUPHA: Sawubona makhosi, bengicela ukuchazelwa iphupho. Ngiphuphe iikati ezimbili, encane nenkulu zinemibala emhlophe nemnyama, zisilwa nami kodwa ngizinqobe ngomthandazo.

IMPENDULO: Makhosi. Kumnandi ukuthi uwuphumelele umlo lowo kuba kutsho ukuthi uneentshaba ezininzi, kodwa amandla edlozi nomthandazo ayakusindisa.

IPHUPHA: Molo tata. Ndiphupha ndiculelwa ziinkumbi kodwa ke zijike ibe ziinyosi, ndithi xa ndizongena egeythini ekhaya zindingqonge zicule eli culo, ayililo lecawe, ayililo nelokombela, kodwa ndiphela ndilazi nam belimnandi kodwa lona, kuthe kusenjalo zasuke zahamba, ndithe ndisazijongile zihamba njalo kwasekuvakala intsholo yeentaka, zafika ezi ntaka zahlala esandleni sam sasekunene zantyiloza, zasuka zemka nazo, ndaguqa ngamadolo ndabulela ndizinqula.

IMPENDULO: Camagu. Sukonela kukubulela nje ephupheni yenza ke nomcinjana khona ukuze loo mathamsanqa aziswe kuwe uwafumane ngaphandle kwemiqathango.

IPHUPHA: Camagu tata. Ndifuna ukubuza, xa uphupha inyoka ngathi ineentloko ezimbini futhi ndiyaya kuzo ndiziqwalasele zikhuphe ulwimi, kodwa zingandenzi nto. Noxa kunjalo, ngathi ziphezu kwebhedi. Ndithe ndisajongile, zabhijelana phezu kwebhedi, ngathi ziyalwa, zisongene zibomvu. Ukanti kwiintsuku ezingaphambili, ndiphuphe iinyoka ezifanayo ziphuma emhlabeni. Kuyo yonke loo nto kube nomlo, kwalapha ngathi ndilandela emva kootatomncinci kamama emva kobuhlanti?

IMPENDULO: Camagu. Lungisa apho ukhoyo kuba akuhlambulukanga.

IPHUPHA: Ndiphupha umntu ongutata ume ngasebuhlanti nomntu ongumama endiye ndakrokrela ukuba ngudade wabo lo tata, ndifike ndema phambi kwakhe ndithwele into engathi yi-emera yamanzi, wandothula yona wayibeka phantsi, khawundichazele.

IMPENDULO: Camagu. Yenza imisebenzi yekhaya, kwaye kuyacaca ukuba owona msebenzi uza ngamandla ngonomlambo phakathi. Zama ke ukhe utyelele ooSiyazi khona ukuze bazokuhlahlela indlela.

IPHUPHA: Molo tata, ndicela ukubuza, xa usoloko uphupha uleqwa ngamanzi olwandle oko, okanye uphuphe uleqwa usuke ubhabhe?

IMPENDULO: Camagu. Kaloku ulwandle kuthi bantsundu luphawo lohlaziyeko ngokomoya, sibuye sikholelwe ekubeni pha ngaphakathi kulo kukho izihluma-manzini ezilikhubalo kuthi, ukanti nalapho ayiphelelanga apho kuba ngaphantsi phaya kuyaphilwa. Xa ke ngoko kukho iphupha elikumila kunje sukube libonisa isikhalo kwabo bantu baphaya elwandle, okanye ukungoneliseki kwabo yimeko ethile kuquka ukutshikilelwa kwezinto ezingamasiko nezithethe kuthi. Ngamanye amaxesha iphupha elinje liye livele ngamandla kwabo babaleka intwaso. Ze ukuleqwa kuchaze ukuba kukho iintshaba kodwa ke xa ubhabha kutsho azikufumani.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za