Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndinala maphupha alandelayo. Ndaphupha ndiwela kumfula esiqhele ukuwela kuwo xa sisuka edolophini sigoduka, ndihamba nomzala wam . Unamanzi ankcenkceza ematyeni xa siwelayo, awele yena. Ndithe mna xa ndigqibezela ukuwela, wavela umlambo wazala ngamanzi, ndimkhwazile lo ndihamba naye, ndathi zebangakhali phaya endlini ndizokubuya, ndizibone ndikwindawo elidonga ndisothuswa yingqele. Xa ndikhangela ndisemondlaweni ophantsi, ndombathiswe ngento engathi yifoil ebengezelayo. Xa ndiqwalasela ecaleni kwam kukho ingwenya ihleli ecaleni kwam, ndazixelela ukuba ndizokuqhwesha apha, andifuni kuba lapha. Inyakazile ingwenya yayokusithela koneni ithile, ndaphakama apho ndize njengoko ndazalwa. Xa ndiphakama kanti ndivela emanzini lawo womfula ndibambelele ngemizi ukuphuma apho sele ndibethelwa luvalo olukhulu nokoyika okukhulu, ndazixelela ukuba ndizakujika ndiyokuhamba ngetha ndisoyika lo mfula. Ndabe ndiyothuka kulo ndawo. Lwabe lubetha ngamandla uvalo ngoku sele ndivukile.

Impendulo: Camagu! Iphupha lakho likhulu lithetha ngobizo lwakho kwaye likwaqulathe neenkcukacha ngekumele ukwenze ukuphumeza ubizo olo. Hlangana nomntu onamava kulo mcimbi ze nibonisane ngekumele ukwenze. Chosi!

Iphupha: Mna ndaphupha ingathi kukho umama ondinika ibhozo othi mandizisike umnwe lo ungucikicane. Ingaba lithetha ukuthini elo phupha?

Impendulo: Kuyacaca ukuba kumnomnbo wakho kukho isiko lengqithi kwaye ngoku isiko elo lifunwa kuwe. Oku kusenokuphinda kuthethe ngalo nangoluphi uhlobo lwesiko ekufuneka lwenzelwe wena ngokwesithethe sekhaya.

Iphupha: Xa uphupha usitya inyama ebomvu qho, ithetha ukuthini okanye uphuphe usitya inyama yehagu kodwa awuyityi?

Impendulo: Ukuphupha usitya akusinto ilungileyo, ingakumbi xa ude uphuphe into efana nehagu kuba ithathwa njengesilwanyana esingahlambulukanga, zama ke ukuba ufune uncedo kuba oku kusenokuba nomphumela ombi kwimpilo yakho.

Iphupha: Ndicela ukuncedwa. Ndiphuphe ndisiya kwatamkhulu, ndithe xa ndisandul’ukungena esangweni, ndatyiwa zizinja, ndazibetha ndinganqandelwa mntu, abantu bekhona. Khange ndibe sangena endlini apho ndiye ndajika ndaphuma ngegeythi. Ukuphuma kwam ngegeythi iye yandibiza enye yezi zinja, ndaya kuyo, iye yathetha kodwa andiyivanga kakuhle ukuba ithini. Inga lithetha ukuthini elo phupha?

Impendulo: Khumbula ukuba izinja ephupheni zithathwa njengokuba zizinyanya zakowenu. Kuyacaca ukuba ikhaya elo lakho linemisebenzi emininzi engxangileyo efuna ukwenziwa nekusele kulithuba ifuneka.

Iphupha: Tata, apha ndizingwe liphupha lokungaboni kangangokuba ndivuke ndicaphuka ngolu rhatya xa ndirhuqwa ngomnye utata ebendimcelile ukuba ayokundifaka emotweni.

Impendulo: Kukho isikhalo esisuka kumanyange ngendlela owenza ngayo izinto, kwaye kuyakufuneka ukuba uyilungise lo nto.

Iphupha: Camagu makhosi! Ndingumntu othanda ukucinga into ivele ngolwa hlobo bendicinga ngalo, ndiboniswa umlingane wam ebuyiswa ngemoto, ebeye ecaweni, okwenene ubuyiswe ngayo. Itheth’ ukuthini xa ndicinge into ivel’ injalo, okwesibini, ndiphupha ndingena kule cawa, azange ndiye andiyazi nob’ijonge ngaphi. Xa ndingena ndibeke iinyawo esitupini, iinyawo zam zibophekile, ngelo xesha nabantu bandijongile, zade zakhululeka. Ingaba lona lithetha ntoni? Camagu!

Impendulo: Kuyacaca ukuba kukho into ezakutyhilwa malunga nenxaxheba kamlingane lowo kwityalike leyo ahamba kuyo. Le isenokuba yinto entle okanye engazukwamkeleka lula kuwe.

Iphupha: Molweni, mna ndiphuphe kabini, umhlobo wam owasweleka ngo2016 ngokuhlatywa. Mna bendisejele kodwa oko ndimphupha andazi kwenzekani, elinye ngutata kamama nomalume wam oliwele, basweleka nabo kodwa ngoku ingathi ndiyababona bakwenye indlu. Umalume lo uliwele usaphilayo ingathi akafuni ndiye kubo, uthi apha ephupheni ndakubetha, uyandiphekuza, ndicela undincede apho, kwenzeka ntoni?

Impendulo: Izalamane zethu ezisele zalandulela eli ayizizo nakanye iidemoni kuthi njengoko abanye abantu bekholelwa koko, ziyimimoya yabantu bethu abasakhathalayo ngathi nangona bengasaphili ngokwenyama nje. Ngoko kuyabaluleka ukuba singabalibali sisoloko sibakhumbula njalo ngokohlobo nabo abenza ngalo kwabo bebephila ngaphambili kwabo.

Ngako oko ke kuyafuneka ukuba bayenzelwe yonke imisebenzi efunekayo kubo ukubonisa inkathalo. Umphilisi ukhona kuFacebook (uMphilisi) The Healer okanye

uthumele iphupha kuWhatsApp (063 743 9538)