Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphuphe ndisitya inyama yangaphakathi phandle komnye umzi, xa ndijonga izindlu zalapha ndizijongela ezantsi. Kuthe kusenjalo kwaza umntu othi kuyaliwa ngaphakathi endlini, kukho umntu oswelekileyo. Kubusuku obulandela obo ndiphuphe ndisezilalini nalapho kwathwa kukho umntu oswelekele endlini. Ithini na lento?

Impendulo: Camagu! Iphupha lakho lelinye lamaphupha aqulathe umyalezo ogqale nqo neenkcukacha zawo azingafihlakelanga.

Ukuphupha ukusitya inyama yangaphakathi kuchaza ukufa okanye umphanga ozakuwufumana. Kusenokuba sisihlobo okanye isalamane sakho.

Iphupha: Ndiphupha ndisekhayakhulu ndihleli nomzala wam ongumntana kadadobawo. Undibuzile ukuba ndenzani, ndathi mna ndiphekela izinja. Qha into eye yandixaka kukuba amanzi nomgubo ndizidibanisela embombozini ebezofuthela kuyo. Wathi yena ikhona imbiza, kodwa kule ndawo ayalatha kuyo kukho inyoka. Ndithe andinokwaz ukuyithatha kuba kukho umhlekazi caleni kwayo, wayithatha ngokwakhe wandinika, ayenza nto inyoka. Emva kokuyithatha imbiza ndiqhubeke nokupheka.

Impendulo: Iphupha lakho lichaza ukuba wena kufuneka wenze isichenene usenzela bonke abantu bakokwenu abangasekhoyo ubahlanganise kulo bhekile. Oku kuzakunika amathamsanqa.

Iphupha: Ndiphupha ndikhwele inqwelontaka ihamba phantsi phofu kwindawo engeyoyee- nqwelomoya.

Impendulo: Ukuphupha ukhwele inqwelontaka kubonisa ukuba kufuneka ujonge izinto ngelinye imehlo. Mhlawumbi ikhaya likhalazela wena kwimiba edla umzi, koko wena awufikeleli kuyo. Okanye wambathwe ziimbophelelo zezinto ezingazukusa ndawo nezichaseneyo nezo zifunwa ngabantu bakokwenu.

Iphupha: Ndiphupha kuliqika izigcawu ezincinci ezimnyama apha entlokweni yam. Kwaye intloko yam ihlala irhawuzela njalo.

Impendulo: Camagu! Yinto emdaka leyo nefuna ukhawulezelwa ikhuthalelwe. Khumbula ukuba nayiphi na into ehlanganisa intloko inganobuzaza kwimpilo yakho. Kungoko ke kufuneka uyinanzile. Zama ukufuna uncedo ngokhawuleza.

Iphupha: Ndiphupha ndihleli nomama wam owaswelekayo sisitya, abe sendipha iR50 eliphepha.

Impendulo: Iphupha elinje livamise ukutsala umdla wakho ekubeni wenze isikhumbuzo sikamamakho. IR50 leyo sisipho esibonisa ukuza kwamathamsanqa – kodwa oko kuyoza xa uthe wamkhumbula ngendlela.

NgokwesiNtu, umntu osisizalwane sakho engekhoyo uye enzelwe imisebenzi enxulumene nokukhululwa komoya wakhe ukuze aphumle ngoxolo. Ndiyakucebisa ukuba uhlanganise abantu bekhaya lakho nikhangele ukuba yintoni le kumele yenziwe ingazange yenzeka.

Ukuyenza lo nto izakuzisa iziqhamo ezihle kuwe.

Iphupha: Ndihlutshwa liphupha ekudala ndaliphupha. Ndiphupha kugcwele izitulo phambi kwendlu ekhaya kukho abantu apha eyadini, ngathi kukho into okanye kusandokuphela into.

Ndithe ndisajonge lo nto kwabaleka abantu ethafeni, ingathi baphethe ibhena, abanye bexhonkxosholo bajonga ethafeni.

Ndisondele ethangweni lasekhaya ndifuna ukubabona kakuhle ababantu, ndafumanisa ukuba banxibe amalaphu abomvu, bekwaqabe imbola ebomvu nayo yonke impahla yabaguli abasentsimbini ebomvu. Emva koko ndiphinde ndababona bebuya ngalandlela bebehambe ngayo, ngelixesha ndime ecaleni komama wam, yangathi sebelapha phathi eyadini.

Ndisukile ecaleni kwakhe kuba besiza ngqo kuthi, ndiqinisekile ukuba beza kuye. Kuba ndazi inguye umntu ekufanele ukuba asabele ubizo. Ndithe ndisabaleka njalo ecaleni komama bafika kuye badlula besiza ngqo kum. Ophambili kubo ufike wandinyola ngentonga apha enqentsu. Emva koko ndatsho isikhalo esibuhlungu ndinayo nendawo engathi ndiya tswina, emva koko ndothuka, ndinesingqala ngathi bendikhala nyani.

Impendulo: Iphupha lakho licacile. Yamnkele ubizo, kuba iphupha lakho liyacacisa ukuba unobizo olunjani. Oku kucaciswa nangaba bantu ubabone ephupheni. Ndikucebisa ukuba ubonisane nabantu bakokwenu ngomawukwenze. Xa ungaxoli yile ngcaciso thathani iintonga niyowusabela komnye umntu. Camagu!

– isibhalo@inl.co.za