Inkongolo yeAzapo eBhayi iqwalasele ikamva layo

UNorhi Manona weProject Inmante NPO, uMongameli weAzapo uStrike Thokoane noNontle Mbuthuma weAmadiba Crisis Comittee phambi kwesiphithiphithi samaPolisa aKwaZakhele

Ziyabhadla iitrongo ngoomama ababanjelwe izinto ezingenamsebenzi ezifana nokuba ubisi lwabantwana, kuyekwe iinkokeli namagosa karhulumente ahlisa imali karhulumente ngomlenze.

Oku kuthethwe ngumongameli wombutho iAzanian People’s Congress uStrike Thokoane ngethuba bekuvulwa inkomfa yalo mbutho ebibanjelwe kwiholo yoluntu iDaku kwilokishi yaKwaZakhele ngoMgqibelo.

Le nkomfa ibikwazinyaswe ziinkokeli ezingabamenywa ziphuma kwimibutho yoluntu, uNorhi Manona weProject Inmate NPO noNontle Mbuthuma weAmadiba Crisis Commitee.

Lo kaThokoane ugxeke iinkundla zamatyala nomthetho weli lizwe ngokuba kwicala lezaphulimthetho neenkokeli ezingamasela nezithe bhutyu bubuqhophololo zisitya imali yokondla nokuphucula intlalo yoluntu oluntsundu.

Le nkokeli ihambise yathi ndlela le ubusela nodliwomali olugabadele ngayo selude lwaqheleka kuba iyinto ekuthethwa ngayo imihla ngemihla, watsho esithi abantu ababandakanyekayo kwezo zenzo bapholelwe ngamalanga kungekho nto bayoyikayo.

“Urhulumente uchitha izigidi ngezigidi zeebhiliyoni zeerandi esakha iikomishini ezingasenzeli nto siluluntu lweli lizwe. Ezi komishini zifana nje naleya yayikhokelwa nguBhishophu Desmond Tutu iTruth and Reconciliation Commission lo wabizela oomama bethu kwiiholo zeli lizwe esiya kubavuselela amanxeba apho babekhala belilela abantwana babo emva koko yabashiya bebambelele esidleleni.

Le mali kudlalwa ngayo ibifanele ukuba isetyenziselwe ukuphuhlisa uluntu neendawo ekuhlala kuzo abantu, iinkundla zamatyala nazo zibonakalisa ukuba zibanjwe nobhongwana iindlela ezisebenza ngayo,” utshilo.

Uqhube wathi eli lizwe kukwazenzele, watsho esithi ukuthobela umthetho iyinto engazelwa ntweni.

“Ngamagqwetha, ngamashishini, iinkokeli ziphila kamnandi impilo yobumbejembeje nobuyokoyoko kuba ziqhelile, ubusela baqheleka nabantu abasenathemba kwiinkundla zamatyala, sithi makubanjwe yonke into elisela esenga urhulumente iyokudidinjelwa eziseleni, asinakuhlala nabantu abahlala kwiiofisi zowisomthetho babe bona bengawulandeli loo mthetho,” uthethe watsho.

Ethetha kule nkomfa okaManona uthe, iziganeko ezenzekayo phakathi kweelokishi zabantsundu zihambisa umzimba, esithi izigilamkhuba zizidalela ebantwaneni nasebantwini abakhulu.

Uthe abantu abasakholwanga yindlela ekuqhutywa ngayo ngabomthetho.

Ethetha ngomba welali yaseXolobeni apho kubanjenwe ngazo phakathi kweenzalelwane zale lali noMphathiswa wesebe leziMbiwa uGwede Mantashe ngomba womhlaba, uMbuthuma ongusomlomo weAmadiba uzikhelele naye egxeka urhulumente weli lizwe ngokubuyisa inkqubo yorhulumente wengcinezelo ngokusebenzisa amapolisa afika abadlakazelise.

Uthe amalungu ombutho wakhe nabantu abalwa ukuqaliswa kwemigodi eXolobeni bazizisulu zokugetyengwa nokubizwa ngamagama ngenxa yokuba bezibandakanye kweli dabi.