Inkosikazi (54) ityholwa ngokwendisa intombi yayo (19) ngetshova

AMAPOLISA aseDutywa abambe avalela inkosikazi eneminyaka engamashumi amahlanu anesine (54) kuquka nentombi yayo kwanendoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28), kulandela ukuxhwilwa kwendiswe ngetshova umntwana wale nkosikazi ibanjiweyo oneshumi elinesithoba (19) leminyaka.

 

Isithethi samapolisa ephondo uColonel Sibongile Soci uthi le ntwazana yafumana umnxeba kumama wayo esithi mabadibane edolophini eDutywa ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala.

 

 “Ngethuba isalindile le ntwazana, kufike imoto yamisa ecaleni kwayo ze bayikhwelisa. Imoto iqhutywe yaya kuMvezo eMthatha kwikhaya lobeza kuba ngumyeni wale ntwazana. Bafike bamtshixela endlini, kodwa ukwazile ukuphuncuka ngoMgqibelo (01 kweyeThupha) wabuyela kowabo,” utshilo uSoci.

 

 Amapolisa athi umama wale ntwazana kuquka nobhuti (iminyaka ayichazwanga) kwakunye nosisi wale ntwazana, bathathe le ntwazana bayiphindisela kuMvezo ngomhla wesithandathu kule nyanga.

 

 “Bamxelele ukuba uyenda. Ufike wavalelwa ngaphakathi endlini kwakhona kodwa wakwazi ukuthetha ngomnxeba nomhlobo wakhe esithi wendiswa ngetshova. Umhlobo uxelele amapolisa ngoko nangoko, ze amapolisa alandela ekhondweni,” kutsho uSoci.

 

 Ababanjiweyo ngumama wentwazana ebisendiswa ngetshova, usisi wale ntwazana kwanobeza kuba lisoka. Baza kuvela enkundleni eDutywa ngoLwesihlanu kwisicelo sebheyile, emva kokuvela okokuqala ngoLwesithathu.

 

 UMkomishinala wamaPolisa ephondo uLieutenant General Liziwe Ntshinga uwuqhwabele izandla umsebenzi wamapolisa. “Abantu abadala abangenelela ezi ngxoxo (zokwendisa) babulala ikamva lamantombazana amancinane ekufanele ukuba bawagadile. Siyakukhalimela kakhulu oku,” utshilo uNtshinga.