Inkululeko idinga unonophelo ntsuku zonke

Emva kweminyaka engamashumi amabini anesithathu sibona uMzantsi Afrika omtsha apho abantu baphila gabalala ngaphandle ngokunyhukulana ngobuhlanga, ingaba ukhona ongavumelani nayo le nkululeko?

Oko kuxhomekeka kwinzuzo ejongwe ngabantu kwinkululeko.

Ingcaciso yenkululeko sayiva kakuhle kwintetho yongasekheyo utata wesizwe mhla abekwa ngokusesikweni njengomongameli woMzantsi Afrika ePitoli ngomhla ka10 May 1994 xa wayesithi: “Siyayiqonda ukuba indlela eya kwinkululeko inzima. Siyazi xa kungekho bumbano asoze inkululeko siyizuze ngokugqibeleyo. Ngoko kubalulekile ukuba sihlale sibambene, ukwenzela kubenoxolelwano, kwakheke isizwe kwaye kudaleke ihlabathi elinoxolo. Makubenobulungisa. Makubenoxolo. Makubekho intsebenziswano. Makudede intsokolo. Asoze, asoze kwakhona lo mhlaba wethu umhle ngolu hobo uphinde utshatyalaliswe yingcinezelo komnye ngomnye kwaye eli lizwe lakowethu alinakuze liphinde libonakale nje ngelizwe elimdaka nelingenasidima. Makuntame inkululeko kwaye kuphathe yona.”

Njengokuba sibhiyozela iminyaka engamashumi amabini anesithathu kwinkululeko, njengoRhulumente ophakamisa ubunye kumphakathi wethu, ukulingana kwabantu kunye nendima yabo kwindlela abaphethwe ngayo nguRhulumente, uphuhliso lwabantu kunye nokuphuhla kwezoqoqosho.

Ingaba yintoni inkululeko kwaye ingaba silindela ntoni kwinkululeko? Inkululeko ligama lemboleko elakhiwe kwintetho yamaGrike ethi “Demo” kunye no”Kratia” ethetha ukuthi “Abantu” kunye “Ukuphatha ngesidima”. Oko kubonisa ukuba ngabantu abanamandla okuphatha kwilizwe eline nkululeko. Oku kucaciswa kakuhle nguAbraham Lincoln xa enika ingcaciso kaRhulumente wenkululeko ethi “Eya bantu, ngabantu ukuzuza abantu.”

Kungako inkululeko iquka ukukhululeka, uvoto, izigaba ezintathu zikaRhulumente, amandla kubantu, ukunika uluvo ngaphandle koloyiko, ukuthetha poqo, ukunqula ngokukhululeka, Iiofisi zikaRhulumente eziphethwe ngentembeko.

Kungako ubomi benkululeko kuquka ukwehluka kunye nokwamkelana. Inkululeko ibonisa intlonipho yesininzi nengcinga zabo kunye neengxoxo ezifumana izisombululo.

Kuyinyaniso ukuba inkululeko ethi isebenze kwaye iphuhle yileyo ethi ibenamandla okuthi iphuhlise abantu bayo besininzi.

Enyanisweni akukho mmiselo wepolitiki ongena zingxaki zawo. Ndiyavuma ukuba nangona inkululeko ibonisa ukulingana phambili kwentambo yomthetho, ekuhlaleni kodwa ukungalingani kwezoqoqosho kusaqhubeka kuyingxaki kwilizwe lethu.

Kodwa ingaba oko kubonisa ukuba inkululeko ayisebenzi okanye ayinaphuhliso? Akunjalo. Kakade inkululeko ifana nqwa neqanda, yakhiwe ngobunono kwaye ithambile ngoko kulula ukuba yophuke. Inkululeko idinga unonophelo ntsuku zonke ukuze inike iziqhamo ezilindelekileyo.

Inkululeko yethu ineenzuzo ezininzi kwezepolitiki. Oku kubonakaliswa yindlela abantu bathi bahloniphane ngayo kwaye bamnkelane kwezepolitiki nangona kumanye amaxesha iingcinga noluvo lwabo lwahluka.

Inene, alukho uhlobo lukaRhulumente elingena miceli mngeni, kodwa eyethu inkululeko isamelwe ngumzila wezinto ezintathu eziyi- ndlala, intswelo-ngqesho kunye nokungalingani kwezoqoqosho.

Inkululeko inazo iingxaki zayo, kodwa umphakathi awumelanga ukuba utyhafe ekuzameni ukuguqula izinto zibe ngcono. Apha kunentetho edumileyo ethi “Inkathalo engunaphakade lixabiso lenkululeko” neqhubeka ngokwamkeleka ekuhlaleni. Ngokunjalo nakwi nkululeko yethu elo xabiso lingunobangela wokuqhubeka phambili.

Ingxoxo esaqhubekayo yeyokuthi ingaba siqinisekisa njani ukuba inkululeko inika iziqhamo, ukuba abantu bayaxhamla okanye bayazuza kuyo le nkululeko, ukuvelisa amathuba, kunye nezinye iinkonzo eziveliswa yinkululeko.

Le yingxaki enkulu kwaye engenakuphela. Kodwa, iluhlobo lwengxaki egqamileyo kuwo onke amazwe aphila phantsi kwenkululeko, kungako kumele inkululeko yeli lizwe kumele isebenze nzima ukuvala ezo zikhewu.

Kwiminyaka engamashumi amabini anesithathu, sidinga izenzo, ucwangco kwipolitiki khona ukuze siqhubeke sinyathelele phambili ngendlela ebonisa ukuphuhla nokukhula. Ngethuba lokujongana neengxaki kwezoqoqosho, kwipolitiki, kwiimeko zasekuhlaleni, ukwakha inkululeko enika iziqhamo kubantu bonke kwaye ithembeke, sidinga ukubumbana khona ukuze siqinisekise ukuba ilizwe liyaphuhla.

Inkululeko idinga abantu, intsebenziswano, ukunyaniseka, ukuthembeka, ukusebenza ngokuzinikeleyo, abantu bathathe uxanduva lokusebenzisana. Inkululeko idinga unonophelo ntsuku zonke.

Masonwabele iminyaka engama 23 sikuyo le Nkululeko eMzantsi Afrika.

UPhumulo Masualle yiNkulumbuso yePhondo le Mpuma Kapa. Mlandele kwiqonga lonxibelelwano uTwitter @EC_Premier